Umboniso wenkcubeko kuGatyana

Ezi ntsimbi zingumsebenzi kaPhumzamathole Tsengwa

Ukulungelana nenyanga yamafa esizwe, umbutho wezobugcisa nezinto eziyiliweyo iUhlume Projects iza kube ibambe umsitho wokubonisa ngezinto zobugcisa nokuyiliweyo eFort Malan Mission kuGatyana ngomhla wesixhenxe kweyoMsintsi.

Kule projekthi kwenziwa umsebenzi wezandla apho kuhlohlwa iintsimbi zakwaNtu, kwakhiwa imiqamelo kwaye kukwahonjiswa nezinto.

UPhumzamathole Tsengwa nongumlawuli okwangumsunguli wale projekthi, uthi bangena kunyaka wesine beqhuba lo msebenzi.

UTsengwa uthi iUhlume, incede uninzi lwabantu kula mmandla kwaye ayikhethi bani. Uthi nabakhubazekileyo ukuba izandla ziyasebenza zona akukho nto ibavalelayo.

“Baninzi asele bezimele kwiindawo zabo ababefumene uqeqesho apha kum. Uninzi sele lufumene izakhono zokwenza umsebenzi wezandla. Apha asikhethanga bani nabantu abakhubazekileyo bafumene izakhono zokusebenzisa izandla zabo,” utshilo uTsengwa.

IUhlume izinze ezilalini kwaye yindawo engekaziwa ncam. UTsengwa uthi kungoko ebone ukuba benze olu suku apho kuza kuthi kuboniswe ngezi zinto zabo. Uthi olu luhlobo azazisa ngalo eluntwini. Uthi noko ishishini liyahamba kuba baxhaswa ngootitshala ezikolweni kwakunye noonesi ezibhedlele ngokuthi bathenge kwaye abanye bafake izicelo. Wonke ubani wamkelekile kulo mboniso.