UMhlongo unika abasakhulayo icebo lokuphumelela ebholeni ekhatywayo!

UMhlongo noJoseph Makhanya bachithe iveki yonke ephelileyo behamba noMTN kwiidolophi ezimbini eMpuma Koloni, iMonti neBhayi apho bathethe nabantwana baphisa ngezipho eziphuma kwaMTN. Isikolo esixhamlileyo yiKhanyisa Special School esiKwaDwesi, eBhayi. Umfanekiso: Uthunyelwe

Owayefudula
edlalela iMamelodi Sundowns ne-Orlando Pirates, uBenson Mhlongo, unike
abantwana abanomnqweno wokudlala ibhola ekhatywayo amacebo okuphumelela kwibhola
ekwinqanaba eliphezulu. UMhlongo noJoseph Makhanya bachithe iveki yonke
ephelileyo behamba noMTN kwiidolophi ezimbini eMpuma Koloni, iMonti neBhayi –
apho bathethe nabantwana baphisa ngezipho eziphuma kwaMTN. Isikolo esixhamlileyo
yiKhanyisa Special
School
esiKwaDwesi,
eBhayi. “Ukuze uphumelele ebholeni ekhatywayo kufuneka ube nentlonipho, ufunde
(uye esikolweni) futhi uzimisele. Ebaleni thina sifundisa abantwana indlela
yokumaka, eyokunikelana nabanye abadlali ibhola ebaleni nezinye izinto
ezibalulekileyo ebholeni. Thina sishiya ebantwaneni izinto ezibalulekileyo nezinokumnceda
aphumelele njengomdlali webhola ekhatywayo,” utshilo uMhongo.No photo description available.

Yena uMakhanya
ubongeze abalandeli bebhola ukuba bayixhase imidlalo yeMTN 8 watsho esazisa abantu
nje ngokubanzi ngamabhaso uMTN aphisa ngawo emabaleni. “Ibalulekile iMTN 8
ebholeni yaseMzantsi Afrika ngoba ngoba ayijongi amaqela adlali kuyo kuphela.
Ifaka phakathi wonke umntu olandela ibhola ekhatywayo. Jonga nangoku kukho
amabhaso awabekele bucala uMTN ukuze axhanyulwe ngabalandeli bebhola. Kulo
nyaka, uMTN uthe abantu mayibe ngabo amakhetha amagqala aza kuhamba hamba
ilizwe lonke ethetha ngeMTN 8, ibe ngabo abakhetha umdlali obalaseleyo
emdlalweni ngamnye – kanti abanti bayakwazi nokuzithela indlela abafuna
ukuphumelela ngayo kukhuphiswano lwakhe uMTN okhupha izipho ezixabisa izigidi
ezisibhozo (R8-million),” utshilo uMakhanya.

Ingena
kuvutho-ndaba iMTN 8 kule veki. Mane amaqela aza kube esilwela ukuya emdlalweni
wokugqibela. Emva kokukhupha iCape Town City ngo’2-0 emdlalweni ogqithileyo,
iPolokwane City iza kuzama ukuya kwisigaba sokugqibela kwiMTN xa idibana
neHighlands Park, ebethe i-Orlando Pirates ngo’1-0 kutshanje, emdlalweni oza
kube usePeter Mokaba Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Kanti
yona iMamelodi Sundowns, engekayiphumeleli iMTN 8 phantsi kukaPitso Mosimane,
indwendwela iSuperSport United ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo, eLucas Moripe
Stadium. Ukuphuma kwamaqela afana neCape
Town City

nePirates kwangoko ngekuba kuthetha ukuthi iSundowns inethuba elihle lokuthatha
iMTN 8 Cup – kodwa ngeke ibe yinto elula leyo ngoba kusekho Amatsatsantsa
asokolisayo kakhulu.