Liyangcwatywa ixhwele nengcaphephe, uMatewu

EBENGUMNTU ongathandi kungqinela mntu, engathandi nokungqinelwa xa ehlomla kuMhlobo Wenene FM.

Le yindlela uModi Maqabaza, woManyano Lwabaphulaphuli boMhlobo Wenene FM, amchaze ngayo uReuben Matewu (62) ubhubhe kwiveki ephelileyo.

Ixhwele, imbethimanqindi kwanomhlomli kwiinkqubo zoMhlobo Wenene FM, uMatewu uya kukhunjulwa ngezimvo zakhe ezingathandisi bantu.

UMaqabaza uthe: “Ubaw’ uMatewu besisithi nguTshayingwe. Sakumkhumbula ngemihlomlo yakhe phaya kuMxholo woMhlobo Wenene FM kula nkqubo katat’ uSiphiwo Magoda.”

“UTshayingwe ebengumntu ololu hlobo, ebengakuthandi ukungqinelwa xa ehlomla nokuba uthetha into elungileyo okanye engalunganga. Ebengakuthandi naye ukungqinela abanye abantu,” utshilo uMaqabaza.

UMaqabaza uthi uMatewu ebengaphelelanga nje ekuhlomleni, koko ebephanda phambi kokuba ayokuthetha emoyeni.

“Ebeyingcaphephe kulwazi, ephanda ngezinto phambi kokuba azizise emoyeni. Kusothusile ukubhubha kwakhe kuba asikhange sive ukugula kwakhe. Ndithe ndiwela iNciba ndisuka emngcwabeni kagxa wethu (umphulaphuli) uNkebenkebe waseBhayi, ndeva iindaba zokuba akasekho emhlabeni uTshayingwe.

“Kubaphulaphuli boMhlobo Wenene nakusapho lukatat’ uMatewu, ndiyafuna ukuyidlulisa eyokuba mabathuthuzeleke. UThixo unezicwangciso zakhe ezaziwa nguye malunga neempilo zethu,” utshilo uMaqabaza.

UMatewu ukhe waduma kakhulu ngo2013 emva kokuvakalisa kwisikhululo i-trufm ukuba angayinika umthi simahla iBafana Bafana ukuze ikwazi ukuphumelela imidlalo. Ngelo xesha eli qela lebhola ekhatywayo lalitywatyushwa kunene, kuba lisangonjwa nangoku.

Umngcwabo kaMatewu uza kuqhutyelwa kwiholo yoluntu yaseGinsberg eQonce ngomso (Lwesihlanu) kwinkonzo ekulindeleke ukuba iqale ngentsimbi yesithoba kusasa.