Umhlobo Wenene wenza isibhengezo ngoLulu Haarmans

Umhlobo Wenene wenza isibhengezo ngoLulu Haarmans. Umfanekiso: Umhlobo Wenene

Isikhululo sosasazo Umhlobo Wenene FM kulindeleke ukuba senze isibhengezo ngomso (Lwesine) malunga nomsasazi uLulu Haarmans. 

Oku kuthethwe sisithethi seSABC uVuyo Mthembu kwimbalelwano ayithumelele iphephandaba I’solezwe lesiXhosa ngenjikalanga yangoLwesithathu. 

Kule veki uLulu akakhange avakale emoyeni kwinkqubo yakhe uKhanya Gqiyazana. Endaweni bekusasaza uSbongile James. 

Aliqela amarhe athethekayo nakhokelele ukuba angabikho emoyeni lo msasazi kule veki, kodwa uMthembu uthi konke kuza kubhengezwa ngomso. 

“AbakwaSABC bangangqina ukuba isikhululo sabo sosasazo Umhlobo Wenene, siza kwenza isibhengezo ngomso malunga noLulu Haarmans,” utshilo uMthembu. 

Ekuqaleni kuka2018, uLulu ukhe wathatha ixesha engekho emoyeni apho kwade kwakho ingxokolo yabaphulaphuli befuna ukuqonda izizathu. 

Emva kwale ngxokolo, Umhlobo Wenene wakhupha imbalelwano esithi uLulu “ucele ixesha lokuba ayokuqwalasele imicimbi yakhe edinga yena ngokungxamisileyo”. 

“Ngenxa yemeko yakhe ekubonakala ukuba ifuna ingqwalasela, isikhululo sibone kufanelekile ukuba simnike eli thuba alicelileyo,” kwabhala Umhlobo Wenene FM.