Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Igama lam ndinguSiphosethu. Ndiphuphe ndisitya inyama yehagu eenempethu.

IMPENDULO: Camagu. Asiphupha lihle elo, zama indlela yokuzigutyula kuba alihlambulukanga.

IPHUPHA: Ndicela undilawulele eli phupha! Ndiphuphe ndihamba kwilali yakulo mama wam kwenye yeendledlana zakhona, kwaqhamka irhanisi elimhlophe landitsala ngomlomo walo obomvu apha elokhweni, ndazama ukuzitsala de ndothuka.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho belikulumkisa ngemeko enokudala ubungozi kuwe.

IPHUPHA: Ndibulisile. Ndihlutshwa liphupha lokusoloko ndiphupha usana. Ngamanye amaxesha ndiludlulisela kunina. Ngamanye ndilubetha kabuhlungu. Lona apha emaphupheni liyacaca ayilolam.

IMPENDULO: Camagu. Asiphupha lihle elo, dibana nonyago lwesintu ngokukhawuleza.

IPHUPHA: Camagu, ndicela undilawulele eli phupha, umama wam wasweleka kodwa ndiphupha ngathi uswelekile, ingathi ndiyakhala kakhulu, ingaba lithetha kuthini?

IMPENDULO: Camagu. Isizathu soku abo bangasekhoyo bamane bevela kuthi rhoqo, ngamanye amaxesha kuxa sithe salibala oko bekufanele sikwenze khona ukuze sizokhulula indlela yabo eya kwelo lemimoya. Ngamanya amaxesha iba kukusilumkisa ngemeko enokwenza sigaxeleke engozini. Kwesi isihlandlo sephupha lakho yila meko yokuqala ndithethe ngayo apho ningamenzelanga iimfanelo ngokwesiko lenu ngoku uyakhumbuza.

IPHUPHA: Ndinephupha elindithe chuu zange ndalixela nasekhaya. Ndiphupha ndiphunyelwa ngamazinyo ngathi avele agungqe, ndiwatsale aphume.

IMPENDULO: Camagu. Amaxesha amaninzi iphupha elinje livelela abo kumele bathwase okanye bamkele ubizo lobugqirha.

IPHUPHA: Molo bawo, ndiphuphe amanzi acocekileyo ekhaya ezilalini, ingathi ndiyawakha, ndiyawancoma, ndiqale ndaphupha umkhuluwa katatam ongaphilanga engqengqile ebhedini emhle, ekhowushe umntu ongusisi omhlophe.

IMPENDULO: Camagu. Amanzi ephupheni asisikhokelo somsebenzi ekufuneka wenziwe nohlanganisa umlambo phakathi.

IPHUPHA: Camagu mhlekazi ndinephupha apha elindithukuthezelayo, ukuphupha ndihleli nabamhlophe, kuthetha ukuthini oko?

IMPENDULO: Camagu. Ndiyathemba ukuba abamhlophe abo ngabelungu. Abanye bacinga ukuba ukuphupha umlungu yinto emdaka ukanti ngamanye amaxesha bakho kwalapha kuthi bantu bamnyama abanomnombo odibanisa abelungu phakathi ngenxa yokuxutywa kwebala kuhambiswano lwababini. Ngoko ke kungenzeka ukuba sikho nakuwe isihlwele esinjalo nesizama ukuthumela umyalezo kuwe.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndisenkundleni, ndasuka ndaya kwindawo ebekukho igrad. Ndithe ndilapho uMC wakhwaza igama lam nefani wathi ndiyabizwa ecourt ndiyovala ucango ndishiye ndingalivalanga, alivaleki kufuneka liyokuvalwa ndim. Ndiyile nyhani lavaleka. Ndicela ukuqonda ingaba lithetha ukuthini eli phupha?

IMPENDULO: Camagu. Iphupha elinje limele ukuchulumancisa kuba lichaza ngethamsanqa elizayo nokuba ngumsebenzi omtsha okanye iindaba ezincumisayo.

IPHUPHA: Camagu Mphilisi, ndiphupha ngathi ndisentabeni phezulu kodwa iphinde le ntaba ibe ngathi zinduduma zentlabathi (sand dunes). Kweli phupha ndihamba nentombi egcina umntwana wam. Sithe sisahamba isanti le ijike ibe ngamanzi, kubekho inkungu. Every direction esiya kuyo igqunywe ngamaza. Amaza akhona mahle azolile. Hayi sise sijike siye kwelinye icala. Uyandikhokela phofu lo sisi. Hayi ke side siyokuphumela kwelinye icala. Sifike ke kule ndlu siphumele kuyo kukho abantu abaninzi, uninzi lungoomama. Ingathi kudala silindiwe kule ndlu. Ndifike pha kukho uMayihlome Tshwete kunye noZizo Tshwete bathi masikhweleni emotweni basihambise. Ndabe sendiphaphama ke.

IMPENDULO: Camagu. Kukho imeko eza kuzisa isiqalo esitsha kubomi bakho, kwaye kuyacaca ukuba loo meko yamkelwe zizinyanya zakho. Ukubakho kwentombi leyo igcina umntwana kungatsho ukuba nayo iyinxalenye yolu hambo lwakho lutsha okanye umntu onesiduko esifanayo nayo uza kukhokela kulo ndlela.

IPHUPHA: Ndiphuphe ndiphethe amanzi omthombo okungathi ndiza kuwasela. Lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Camagu. Zama ukhe wenze into nokuba ayiphelelanga, usile ekhayeni lakho khona ukuze uzokuzuza koko izinyanya zakho zifuna ukucaphulela kuko.

IPHUPHA: Molweni, ndicela ukubuza xa uphupha kuse ungalazi iphupha kufuneka wenze njani?

IMPENDULO: Camagu. Zininzi iimeko eziphembelela oku. Kungenzeka ukuba indawo okuyo ayihlambulukanga okanye wena awukho nyulu nezinye eziliqela.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela

uMphilisi The Healer

apho okanye usithumelele iphupha lakho ku

Whatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za