ULwazi N uthumela umyalezo ngombongo nangengoma

Imbongi nemvumi yeRap uLwazi N umfanekiso: bheki radebe

IMBONGI nemvumi yeRap uAthenkosi Lwazi Nciya, ozibiza ngelikaLwazi N, ukhuphe intaphane yemibongo kwakunye neengoma ngelizama ukuthunuka izazela zoluntu kwimiba efana nokuxhatshazwa ngokwesini, imiba efana nokubuyiswa komhlaba kwakunye nezothando.

ULwazi N, 20, inzalelwane yaseLusikisiki, ubhala imibongo ze ayivise uluntu kumaqonga ohlukeneyo.

Uthi oku kukukhuthaza abantu ngemiba ngemiba kwanokugcina umoya wombongo uphila.

Imibongo yakhe iquka uNolwazi, Umntu, Amagama noLuyavutha. Eminye yemisebenzi yakhe sele ishicilelwe kwaye sele ifumaneka.

ULwazi N uthi imibongo nomculo “ yindlela yokuthumela umyalezo ovakalayo eluntwini.”

ULwazi N ngumfundi weBA in Psychology kwiYunivesithi yaseFort Hare.

Ungazifumanela imisebenzi kaLwazi N kwiYouTube nakwiivenkile zomnatha ezithengisa umculo.