Molweni! Molweni! Molweni!

Mandithathe elithuba ndibulise kuwo bonke umfundi bephepha lethu noosomashishini abathi balixhase ngokufaka iintengiso veki nganye.

Okwesibini mandenze izwi lombulelo kumhleli owaseka eliphepha, uMnu Unathi Kondile, owathi waqundusela umbono wokuvuselela ukupapashwa kwephepha lesiXhosa eMzantsi Afrika. Maz’enethole mfo ka Kondile!

Bafundi akukho nto itshintshileyo iphepha lisekho kwaye lizakuhlala linkinkisha iindaba, libasela iingxoxo kwaye lithetha ngokuthe ngqo nabasemagunyeni.Isolezwe lesiXhosa limele wena mfundi,kwaye sizimisele ukuqhubeka sininika uncuthu lwendaba namanqaku ahlaziyayo emphefumlweni.

Kuvuyisa kakhulu ukubona iincwadi ezisuka kubafundi beliphepha kumaxesha amaninzi beveza izikhalazo ngempatho yeendawo abahlala kuzo befuna iintatheli zenze uphando ngezomeko. Oku kubonisa intembelo abanayo kwintatheli zethu, kwaye ziyakuqhuba zininika inkonzo enesidima nentlonipho.

Koosomashishi abapapasha iintengiso kwimihlathi yeliphepha sithi qhubekani nisenza njalo kuba ngaphandle kwenkxaso yenu asingekwazi ‘ukuwela umlambo ugcwele’.

Zininzi ke izicwangciso ezisetafileni eziqwalaselwayo ukuqinisekisa ukuba Isolezwe lesiXhosa liba yimpumelelo elalisekelwe yona.Sakunazisa kusafika amaxesha azo.

Sijonge phambili ekupapasheni amanqaku abonisa amaqhawe namaqhawekazi enza umahluko nento ezintle kwimeko ezinzima.

Gcinani iminxeba yeentatheli zasekhayapha ixananazile, nikhuphela kuzo amaxhala neembilini kwakunye neengcebiso zenu.

Zityandeni igila ngokuthi gqolo niphefumla kwiileta eziya kumhleli, nisilandele kumaqonga onxibelelwano afana no Twitter no Facebook nakungokusikroba kumnatha wethu okwa www.isolezwelesixhosa.co.za.

Asinto ngaphandle kwezimvo zenu.Sizimisele ekwenzeni uLwesihlanu ngamnye ibelusuku apho umfundi ngamnye we – Isolezwe lesiXhosa ayakuthi ahlale alinde iphepha lethu ngomdla nemincili.

Kwelinqaku laleveki sinokhuphiswano lwenkomo, qiniseka ukuba uyalingenela hleze ithamsanqa liwe kuwe.