Bakhululwe oonoteksi eDutywa!

Izithuthi zimile ngxi eDutywa umfanekiso: Mbulelo Sisulu

Inkundla yamatyala eDutywa ibizele ime ngeembambo xeshikweni kuvela enkundleni amadoda amahlanu akushishino lweeteksi.

UWonga Mvundlela (35), Sanelise Qokweni (24), Mpostile Tomose, (31), Zuko Mathe (38) kwakunye noKhayethe Meje (40) ngabo aba bebevele enkundleni yamatyala. NgoLwesihlanu kwiveki ephelileyo, oonoteksi bebegade izithuthi ezikhwelisa abantu esithubeni.

Kodwa ngalo mhla badibene neembila zithutha. Usisi othile onguMtshutshisi kwinkundla yamatyala eDutywa, ukhwelise abantu abahayikhayo.

Oonoteksi bammisile lo sisi waze watsalela umnxeba amapolisa ukuze azokuhlangula kwingxabano ibikhona apho. UMtshutshisi, uLungiswa Nzuzo nosebenza kwinkundla yamatyala yaseDutywa, uthi la madoda khange ambambe esiqwini kodwa bamthuke bamyalula ngezithuko.

“Bathe mandothule aba bantu ndiba layishileyo ndaze mna andavuma. Ndiye ndaqonda ukuba mandibize amapolisa ze emva koko ndaya kwisikhululo samapolisa aseDutywa ndavula ityala. Emva koko ndahamba nabantu abathathu ebendibakhwelisile njengoko besisiya eMonti. Kodwa andifuni kuxoka, ndiyoyika kwaye ndiziva ndingakhuselekanga tu. Ndingumntu ovuka eMonti aphangele eDutywa mihla yonke yempangelo. Ixesha elininzi ndisebenzisa izithuthi zikawonkewonke xa ndiphangela. Ngoku ndine nto ethi bangandirhawula endleleni xa ndihayikha ndigoduka. Xa ndithetha inyani andizuyeka ukuhayikhisa kuba amafutha aduru. Ndiza kukhe ndithi xha kancinci kodwa okwangoku de kuzole emva kwale ngxabano,” utshilo uNzuzo.

Isithethi kwiSebe lezoThutho eMpuma Koloni, uUnathi Binqose, uthi nangona bengakukhuthazi ukuhayikha ngenxa yeziganeko neengozi ezithi zehle, kodwa oonoteksi okanye namphi na umsebenzisi wendlela akanalo ilungelo lokunyhasha amalungelo abanye abantu.

“Loo nto ayihambisani nomthetho weli lizwe. Siza kuqinisekisa ukuba simemelela amapolisa ukuba awulandelele lo mcimbi. Siyacela sibongoza ukuba bonke abasebenzisi bezithuthi zikawonkewonke ukuba bahloniphe kwaye bayazi ukuba alukho ushishino ngaphandle kwabo. Sikwahlaba ikhwelo kubakhweli ukuba mabakhokelise ukhuseleko phambili ngalo lonke ixesha kwaye babikele amapolisa ngezinto ezidibene nezigrogriso ngakubo,” utshilo uBinqose.

Isithethi samaPolisa eMpuma Koloni, uCol Sibongile Soci, naye uyingqinile into yokuba akukho namnye umntu onamalungelo namagunya okunyhasha amalungelo abantu ezindleleni.

UMantyi uSivuyile Dyongosi kwakunye noMtshutshisi uAvumile Bikitsha, baye balimisa ityala belimisela i29 kweyoMqungu kunyaka ozayo ukuze kuqosheliswe uphando. Abamangalelwa bayifumene ibheyile yeR1000 umntu emnye.

Baceliwe abamangalelwa ukuba ze bangaphazamisani nengalo yomthetho xeshikweni bengaphandle. Kwaye kuceliwe kwakhona ukuba bahambele kude kummangali.

Abamangali bebemelwe ligqwetha eliseMthatha, uMpumelelo Notununu.