Kelly Khumalo: Nindithatha kancinci

Kelly Khumalo

UKELLY Khumalo uthi abantu bayalibala ukuba unesipho asiphiweyo ngapha kwazo zonke ezi ntetha zithethwa ngegama lakhe.

UKhumalo ukuthethe oku ngethuba etyelele I’solezwe lesiXhosa eMonti ezokwazisa ngengoma yakhe entsha ethi ‘Undithatha kancinci.’

Le ngoma, asebenze kuyo neemvumi ezifana noNduduzo Makhathini, owaziwa kumculo weJazz kwakunye noMondli Ngcobo, ibhalwe nguMsaki.

“Ibhalwe nguMsaki. Ndiyawuthanda umculo wakhe kwaye ngomnye wabaqambi abahlonitshiweyo. Ibali ulizoba kakuhle,” kutsho uKhumalo.

Uthi le ngoma ithetha nabo bantu bambeka amabala, nabalibalayo ngesipho sakhe.

“Nindithatha kancinci eMzantsi Afrika. Nithetha ningagqibi ngam. Niyalibala ukuba ndiphiwe! Ngaphaya kwazo zonke ezi ntetha ndiphethe isipho!” kutsho uKhumalo.

UKelly uthi le ngoma itshayelela icwecwe lakhe elitsha eliza kuphuma ekuqaleni konyaka ozayo.

Uthi kweli cwecwe uthetha ngemixholo ebalulekileyo equka imiba yokuziphucula kwamakhosikazi kwaneendlela anokuqabela ngayo kwiminqantsa ephambi kwawo.

UKhumalo uthi kwiminyaka elishumi elinesihlanu esemculweni ugqithe kwizinto ezininzi kwaye ngoku akusekho nto imothusayo nemhluphayo ethethwa ngaye.

Uthi le ngoma ngeyokubanga amandla akhe emculweni nanjengoko ekruqukile kukujongelwa phantsi.

Le ngoma iyafumaneka kuzo zonke iivenkile zonxibelelwano lomnatha.

simphiwe.freddie@inl.co.za