INtshona Koloni idlulise amazwi ovelwano kwiKomkhulu lamaXhosa

INkulumbuso yaseNtshona Koloni uAlan Winde, naye udlulise amazwi ovelwano kwiKomkhulu lamaXhosa emva kokukhothama kweKumkani uMpendulo Zwelonke Sigcawu.


IKumkani ikhothame ngentseni yangoLwesine kwisibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha. 


Ebengeniswe kwesi sibhedlele apho ebezokulindela inqwelontaka yokumthatha imse kwisibhedlele iChief Albert Luthuli eThekwini kulandela ubunkenenkene bempilo yakhe abubike kusapho ngokuhlwa kwangoLwesibini.


Isathe gqolo ukuphokoka imiyalezo yovelwano ephuma nkalwana zonke kulandela ukukhothama kwale Kumkani ebineminyaka engamashumi amahlanu ananye (51).


UWinde uthe: “Iingcinga zethu zikwisizwe samaXhosa aseNtshona Koloni kwanakwilizwe liphela. Ndingathanda ukudlulisa amazwi ovelwano kusapho lweKomkhulu kweli xesha linzima.”


Kusenjalo, iKomkhulu libike ukuba lisathethana norhulumente malunga namalungiselelo omngcwabo.


UMongameli Cyril Ramaphosa uthi bebengakulindelanga ukukhothama kweKumkani.