UMzantsi Afrika uza kudibana neYiphutha kwiCaf Under-23 Africa Cup of Nations

South African Under-23. Umfanekiso: Safa/Facebok

Lenze omnye
umtsi iqela lesizwe lebhola ekhatywayo loMzantsi Afrika (SA Under-23 Africa Cup
of Nations) emva kokuba libambene ngeqanda (0-0) neNigeria emdlalweni kaGroup B
obusebusuku izolo. Amazwe asibhozo, ohlulwe kabini, adlala itumente ye-Afrika
ebanjelwe kwilizwe laseYiphutha – apho kulindeleke kuphume amathathu aza kuthi
amele izwekazi le-Afrika lonke kwimidlalo ye-Olimpiki eza kubanjelwe eJapan kunyaka
ozayo. Amakhwenkwe kaDavid Notoane enze umsebenzi omhle izolo ngokubambana
neNigeria ngoba atsho afumana ithuba lokuya kwimidlalo ephambi kwalowo
wokugqibela. Phambi komdlalo wayizolo, uMzantsi Afrika ubethe ngegowuli elinye
eqandeni (1-0) i-Ivory Coast.

Image may contain: 1 person

Umdlalo
ophakathi kweNigeria noMzantsi Afrika usoloko utak’ iintlantsi ngoba kusolo
kukho ukugxeleshana ngamehlo kuba ingamazwe akhuphisanayo nakwezoqoqosho. Nalo
wayizolo umdlalo ubungohlukanga kweminye egqithileyo. UNotoane uqale umdlalo
ngeqela elomeleleyo eliquka abadlali bakhe abaphambi abafana noLyle Foster,
uTeboho Mokoena noLuther Singh. UMzantsi Afrika uqale wahlasela usebenzisa
u-Athenkosi Dladla. Khange kube kudala, uDarren Johnson uye wanyanzeleka okokuba
achithe ibhola embi ebikhatywe nguNdifreke Udo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla
kungekho qela elikwazileyo ukufaka igowuli emdlalweni. Kwisigaba sesibini,
akubangakho qela elikwazileyo ukuwasebenzisa amathuba. UMzantsi Afrika uza
kuswantsulisana neYiphutha emdlalweni obalulekileyo olandelayo.