AmaZulu abafundise ibhola Abafana Bes’thende emdlalweni weDiski Challenge

AmaZulu FC adlala kwiDiski Challenge. Umfanekiso: Asidlali/Facebook

AmaZulu abethe
Abafana Bes’thende bahamba kancinci ngamagowuli amane kwelinye qha (4-1)
emdlalweni weDiski Challenge obuvutha bhe eDobsonville Stadium emini namhlanje.
Umdlalo wedabi lobukhaya laKwaZulu-Natal ubusemgangathweni ophezulu ngoba
amaqela omabini ebefuna ukugoduka enento aqhayisa ngayo. Abadlali bamaqela
omabini bebewulungele umdlalo ngokupheleleyo, lo nto ibonakele kwindlela
abadlale ngayo umdlalo. Nangani kunjalo, AmaZulu ngawona ebenamandla emdlalweni
nakwazileyo ukudala amathuba acacileyo. AmaZulu aye kwixesha lokuphumla
enkqenkqeza phambi ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emva kokusebenzisa
amathuba avelileyo emdlalweni. Nayo iGolden Arrows ibingayekanga ukuzama noxa
bekubonakala nje okokuba idibene neqela elihorho kunayo. Isiqingatha sesibini besinika
umdla ngokufanayo nesokuqala ngoba besinawo naso amagowuli.

Usuthu
lubhakuselise umnatha kabini – amagowuli aqinisekise okokuba ligoduka
lonwabile. Umqeqeshi waMaZulu, u-Ayanda Dlamini, ubancomile kakhulu abadlali
bakhe emva komdlalo – kodwa ukhalile ngamathuba angasetyenziswanga. “Sidlale
kakuhle kakhulu emdlalweni. Belikhona ithuba lokongeza amagowuli – kodwa abadlali
bethu bakhethe ukugcina ibhola kubo nokuyidlala ebaleni. Yena umqeqeshi
weGolden Arrows, uPapi Zothwane, ukuvumile ukubethwa kweqela lakhe watsho
esithi alikwazanga ukudlala umdlalo odibeneyo, into enike AmaZulu ithuba
lokufaka amagowuli amaninzi emdlalweni. AmaZulu ahleli kwindawo yesixhenxe
ngamashumi amabini amanqaku emva kweshumi elinesine lemidlalo. Kweminye
imidlalo: iBaroka FC ibethe iPolokwane
City
ngo’3-2 . Yona
iBidvest Wits ivuthulule iHighlands
Park
ngo’4-1.
IBloemfontein Celtic ibethe iMaritzburg United ngo’1-0.