Isihelegu sokubulawa kwegqirha lithwasa!

Anele Hoyana

Ukubulawa kakubi nakabuhlungu kwegqirha laseKwelerha uAnele Hoyana, 40, nokubonwe kwiividiyo luluntu kuvuse umnyele kubantu abaninzi, uninzi lwabo besithi esi sehlo siphenjelelwe bubuhlanga, apho umbutho iEFF sele uthe la fama uza kuyenza isikolo sabantwana abancinane ngeenjongo zokuba abantwana bakaAnele babenento esandleni ekukhuleni kwabo.

Ezi vidiyo bezixhonywe ngobezishicilele uFritz “Majeke” Joubert, 45, phambi kokuba agwinte uHoyana emgwinta phambi kosapho lwakhe. Iividiyo ezi ziziqendu apho uJoubert evingcele uHoyana efunqule omnye woonyana bakhe emane emnkqonkqa ngenduku emadolweni ekubeni angaphakami, uHoyana ngelo xesha uphulula unyana wakhe emqolo kwaye evumela le nto kuthiwa makayenze. Logama enye ividiyo uJoubert avele enkankatha uAnele entloko kubonakala eyonwabele lo nto wabe uAnele engalwi kubonakala ukuba sele enikezele.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Hazel Mqala, konke oku kwenzeke ngempelaveki kwifama kaJoubert eGonubie ngethuba uAnele, unkosikazi wakhe kwakunye nabantwana babo behleli kwindlu kaJoubert.

UAnele ebehlala kule fama nosapho lwakhe, ebengumsebenzi, ekwalilo negqirha likaJoubert njengoko ebemthwasisa. Ingxelo ithi bebencokola bonke kukuhle phambi kokuba kuthi gqi loo nto ingakhange bavisisane ngayo nekuphele sele kusenzeka esi simanga. UKapteni Mqala uthi amapolisa aseBluewater afike uAnele elele ngomqolo ebhubhile.

UWarrant Officer Odendaal ofike kuqala kwindawo yexhwayelo uthe akungena kule fama waxelelwa nguJoubert ekubeni “akukho namnye umntu oya kuthi aphume kule fama namhlanje”.

Ngelo xesha kungethuba uJoubert avingcele iintsana zikaAnele kwindlu yangasese nabahlangulwe nguConstable Bam wesikhululo saseGonubie, unkosikazi kaAnele ezimele ngaphandle.

Le ndoda iyalele la mapolisa ekubeni abeke imipu phezu kwetafile, amapolisa awenza njalo nekulapho kuye kwadutyulwana de yabe idutyulwa phantsi kwekhwapha lasekhohlo yabhubha kwangoko.

Esi sehlo sishukumise uninzi, bambi bebanga ngelithi oku kuphenjelelwe bubuhlanga.

Lo mbutho weEFF eMonti uvingce kule fama ngoMvulo wachitha ubusuku ubonakalisa uhlobo oziva ngalo ngesi sehlo esimasikizi.

USekela Sihlalo weEFF ephondweni uThembinkosi Apleni uthi akukho nto isoloko ibacaphukisa beyiEFF njengale yokuba xa isenzo esinje senziwe ngumntu omhlophe kontsundu kuye kuthiwe loo mntu umhlophe uphazamiseke ngokwasengqondweni kube komnyama xa inguye kungasoze kutshiwo koko uye abanjwe.

“Oku kubonakalisa nje ubuhlanga kuba kwindlu yakhe sifike kuseneflegi endala yexesha lengcinezelo, nto ecacisa gca ngalo Joubert. Sikwiinzame zokujika ela khaya ibe yindawo yesikolo sabantwana, mali leyo eya kuthi incede abantwana bakaAnele ebomini,” utshilo uApleni.

Usapho lakwaHoyana lulungiselela ukungcwaba ngokuzolileyo unyana walo ngoMgqibelo eKwelerha Farm.

UOlwethu Hoyana nongumkhuluwa kongasekhoyo uAnele, kumyalezo wakhe uthe: “Andinamazwi mninawa wam ngaphandle nje kokuthi phumla, Nojaholo, akukho namnye umntu ofanele ukubhubha njalo. Hamba kakuhle Ntswentswe sakubakhulisa abantwana bakho njengecebo likaThixo.”