‘UJessica utsibe elikaPhungela’

UJessica Mbangeni ephakathi kwabefundisi ebebekhokele umzimba weKumkani yamaXhosa eNqadu umfanekiso: Bheki Radebe

IMBONGI uJessica Mbangeni uthi akanaxesha lakuthukwa kuFacebook kuba uqhele ukuhlala noMark Zuckerberg, oyingqonyela [CEO] kaFacebook, watsho esithi yena unguBhishophu okwibakala lokungcwaba, ekwatyityimbisela umnwe abo “bangazihloniphiyo” iimbongi esithi “nakubethwa ziimbongi”.

Konke oku kuza emva kwesehlo sakoMkhulu eNqadu kuGatyana ngethuba kukhatshwa (kungcwatywa) uKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu, apho enye yeenkosi zamaTshawe uNjengele Derrick Mgwebi ebonakale esoxutha umboko kuMbangeni obebonga obesakuba nguMongameli uThabo Mbeki. UMbeki ebesesinye sezithethi kulo mngcwabo.

Esoxutha nje umboko uMgwebi kuza emva kwesimbonono ebesenziwe eqongeni kusithiwa iimbongi ziyacelwa ukuba zikhe zithi xha nanjengoko bekuqhutywa umngcwabo ngokuhlonipha amaxesha akoMkhulu okukhapha iKumkani, kwanalawo woMkhosi weSizwe obungcwaba le kumkani ngokwesigunyaziso sikaMongameli Cyril Ramaphosa.

Kule veki, I’solezwe lesiXhosa lincokole noMbangeni kwakunye nesithethi sakoMkhulu eNqadu uNkosi Xhanti Bambilizwe Sigcawu. UMbangeni uthi iKomkhulu malixolise ngesa sehlo logama yena uNkosi Xhanti emile kwelokuba uMbangeni makenze “okufanelwe ukuba kwenziwa ngabantu abadelela imiyalelo yakoMkhulu”.

UMbangeni uthe: “Ndiseluxolweni ngento eyenziwe kum nguNjengele Mgwebi, kuba la nto bendiyibonile ngelihlo lomoya ukuba iza kwenzeka. Ndingumntu obonayo, ngoko esa sehlo ndasibona kwakudala. Ndayibona la nto ukuba iza kwenzeka kum, futhi emngcwabeni. Ndandingawazi umngcwabo ukuba ngokabani kodwa wawuKomkhulu. Izinto ezinjeya zifika kum sendixhobile ngokomoya.”

“IKumkani ndiqhele ukuyibonga, ndandiyibongile nangethuba lokombathiswa kwayo. Kwankqu noMgwebi ndandimbongile kumsitho wakhe ngethuba ethunyelwa [kuMkhosi weZizwe eZimanyeneyo eDRC].

“Into endixakayo kukuba ngoku uKumkani athathwa emkhenkceni eMthatha esisiwa eNqadu wayebongwa yintombazana. Ndilinde kubo mna ukuba baxelele ilizwe okanye mna ukuba bebesenza ntoni kum, kuba ngebendixelele ukuba abandifuni okanye abafuni nkosikazi,” utshilo uMbangeni.

Kodwa uNkosi Xhanti uthi uMbangeni ubangele udushe koMkhulu. “Yinyaniso emsulwa ukuba udelele, akukho nto siyenze koMkhulu singakhange siyixele ebantwini. Ukusuka endlini xa bekukhutshwa umkhumbi, uMbangeni ebengowokugqibela ukuphuma engafuni kuphuma kodwa sithe abazili mabaphume. Kude kwacaca ukuba ngoku kufuneka ephume ngenye indlela, amaTshawe enomsindo.”

“Okwesibini kuthiwe akuzukhokela mntu ongumama emkhumbini, nanko yena esenza kwalo nto. Ententeni siphinde sathi iimbongi mazisinike ithuba, nanko ephinda enyhasha lo myalelo. Siphinde sathi akufuneki mntu ongumama emadlakeni, nanko yena esiya ngenkani. Ucengiwe ngutat’ uMgwebi kodwa akayeka waqhuba ebonga. Le nto ibingekho malunga namalungelo oomama, ibimalunga nomyalelo weKomkhulu,” utshilo uNkosi Xhanti.

“Thina into esiyicebisayo kuye ufanele ukuba enze le nto iyiyo emva kokuba eve isikhalo sokudana koluntu ngesenzo sakhe, kuba utsibe elikaPhungela ngoku,” kutsho uNkosi Xhanti.

Kodwa uMbangeni yena uthi ebesenza umsebenzi awuthunywa ngumoya. “Mna ndiyimbongi yomzabalazo (revolutionary poet). Besendizimisele ukuba andizukuphakama ndibonge kodwa kuthe xa kuphakama iZizi [uThabo Mbeki] inyange lam ladlokova, ndaya embokweni uZizi wandiyeka ndabonga.

“Ndibone ngoNjengele Mgwebi endimisa, kodwa ndaqonda ukuba ndingaquleka phantsi sisihlwele sam. Eyona nto ibikwingxam yombongo wam ibingu ‘I am an African’, kuba bendiyazi ukuba uZizi uza kuthetha ngemiba yeAfrika njengangqondi yaseAfrika.”

UMbangeni uthi ebesemoyeni khange amve uMgwebi nokuba ebesithini ngokuya ebemhlebela phambi kokuba oxuthe umboko. Lo kaMbangeni ukwathe uMgwebi uxolisile kuye ngethuba besemadlakeni.

“Bendimvela kude, ndicinga ukuba ebesithi mandiyeke ukubonga. Kodwa yhoo! bendinokuphequla neqonga kuba kaloku mna ndilawulwa zizihlwele. Bekunokuthwani xa bendimthathe ndayomlahla phaya uNjengele Mgwebi? Kuba le nto ayenze kum iyafana nodushe.”

“Ngokokubona kwam ukhona utata wosapho lwam oxelele uMgwebi ukuba makandisuse phaya. Kuba nangoku ndisemadlakeni kukho utata wosapho lwam othe mandisuswe, ndamxelela ke mna ukuba ndinekhola ndinguBhishophu okwibakala lokusikelela amangcwaba. Baye bandingqinga bengafuni ukuba ndiphose umhlaba engcwabeni likaKumkani qha ndabona ukuba mandihlehle.

“Andinangxaki yokuthukwa kuFacebook kuba ndizelwe phambi kukaFacebook. Ndiqhele ukuhlala neCEO kaFacebook kwanabaseki bakaFacebook. Yena uNjengele Mgwebi kufuneka exolisile ngalo mba,” utshilo uMbangeni.

Iinzame zokufumana uluvo lukaNjengele Mgwebi azikhange ziphumelele.