Isithembiso sikatitshala

Kuwe mfundi

Ndizimisele ukwenza konke endinako ukuba amava akho ngesikolo abe nganegalelo, apho uziva ukhuselekile, ukhathalelwe uxatyiswe. Ndifuna oku egameni lakho kuba ndiyazi ukuba kuya kuba yinxalenye yomntu omdala oya kuba nguye. Ndithembisa ukukufundisa ngamazwi nezenzo zam ukuba wonke umntu wasetyhini nentombazana unegunya lokuphathwa ngembeko, ubulali, unyamezelo nothando nguye wonke umntu oyinkwenkwe nendoda. Ihlabathi lethu lizele ulahlekiso nentswela kuvelana, kodwa akumele ukuba kube njalo ngeli xesha silichitha sisonke esikolweni. Ndiyathembisa ukukhokela ngomzekelo, ndingenakuxhaphaza nakuthoba isidima sakho, nokuba imeko zindibeka uxinizelelo olunjani, nokuba ungowasiphi isini. Ngamanye amaxesha ukwenza okulungileyo kufuna inkuthazo, ukuthetha ngobundlobongela nokuxhatshazwa, nokuxoxa ngenkululeko ngezi ngxaki. Ndakudlala indima yam ngokukufundisa ngengxaki ezimayela nesini nendlela yokuziphatha engamkelekanga nenxilisayo. Ndizimisele ukusebenzisa ixesha endilifumanayo ukuze ndazi ngcono ngempilo yakho, ingxaki odibana nazo nezinto ozinqwenelayo, kuba ezi ngxoxo ziya kusixhobisa ukuze sidlale indima yethu ngabanye ukuze siphelise ubondlobongela obusekelezelwe kwisini.