UMabuyane uchithe usuku lwakhe lokuzalwa nabantwana abakhubazekileyo

CAPTION: INkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane utyelele eCanaan Care Centre eMonti UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi ukutyelela kwakhe ikhaya labantwana abakhubazekileyo eMonti ngoMvulo, usuku lwakhe lokuzalwa, kumenze wachukumiseka. UMabuyane utyelele iCanaan Care Centre eBunkers Hill apho achithe usuku lwakhe lokuzalwa nabantwana abakhubazekileyo. Ebephethe ikeyiki kwakunye nezinye zezinto ezisetyenziswa kubomi bomhla nezolo bababantwana. Abantwana abagcinwa kweli khaya bayaxhuzula, ubuninzi babo. Abanye abakwazi kuhamba nakuziyela kwizindlu zangasese. 

Encokolela I’solezwe lesiXhosa uMabuyane uthe: “Ndiqaphele nto, ukuba kule nto yethu yothetha ngokubandakanya wonke umntu, siye sibenayo le nto yocinga ukuba abantu abakhubazekileyo ayingobantu abagqibeleleyo.”

“Uyibona ke le nto naphaya eburhulumenteni, ngokuthi urhulumente wethu asilele, ukuqinisekisa ukuba uyakwazi ukugcwalisa izithuba ngokomyalelo nomyinge wabantu abakhubazekileyo.

Image may contain: 4 people, people smiling, people sitting and outdoor

“Into endiyiqaphelayo kukuba abamama bakhathalela ababantwana, bakwenza oku ngenxa yothando hayi ngokuba befuna umsebenzi. Andiqondi ukuba umntu ofuna umsebenzi angayihlalela le meko. Lithandazwe nomntu ozinikele kwinkonzo yesizwe umntu ononyamezela oku,” utshilo okaMabuyane.

Uthi olu suku aluchithe nababantwana asokuze aphinde alulibale. “Ndiziva ndithobeke kakhulu namhlanje (ngoMvulo) ukuba usuku lwam lokuzalwa ndizokulichithela kwaba bantwana. Inentsingiselo kakhulu kum lo nto. Ihlaba ngaphakathi entliziyweni kum,” utshilo uMabuyane.

Umanejala weCanaan Care Centre uEleanor Saayman uthi bachulumance kakhulu kukutyyelelwa yiNkulumbuso. “Ukuza kwabelana nathi ikeyiki yakhe ibeyinto enkulu kakhulu kuthi. Isothusile kakhulu,” kutsho uSaayman, othi baqale ngo2006 ukusebenza kweli khaya.

USaayman uthi ubuninzi babantwana abakwiziko labo bayaxhuzula, ze abanye babenesimo ekuthiwa yiCerebral Palsy (ukungasebenzi kwamalungu athile omzimba). Abantwana abakweliziko bangamashumi amahlanu anesibhozo, bejongwe ngabasebenzi abangamashumi amane anesithoba.

Abantwana abakweli ziko beze ngenxa yemiyalelo yoogqirha, bambi ngokwezigunyaziso zeenkundla logama abanye besisiwa ngabazali babo.

UMabuyane uthembise ngokuphinda abuye kwakhona kweli khaya, ethembisa ngengqwalasela yeemfuno zalo.