Ucela iivoti eluntwini ongenele ukhuphiswano lwasetrufm

Umfundi waseWalter Sisulu University ukufuphi nokufezekisa iphupha lakhe lokuzenzela igama kusasazo lukanomathotholo, ukuba nje ungamxhasa ngeevoti.

UNtombozuko Balintulo (23) ufikelele kumagqibela kankqoyi kukhuphiswano lwephulo lokukhangela italente lwesikhululo sakwaSABC i-trufm.

Ngenjingakalanga yangoLwesihlanu kule veki, ngentsimbi yesithathu malanga, uyavalwa umkhusane weevoti wolu khuphiswano obelungenelwe ngabaninzi.

UBalintulo uzalelwe eCala kodwa wakhulela eTsomo. Ngoku uhlala eMonti apho enza khona izifundo zakhe zePublic Relations Management eWSU. Ngaphambili ebekhe wenza izifundo zosasazo (Versatile Broadcasting). Uthi usasazo luyafana nobizo kuye.

UBalintulo ungenele olu khuphiswano lwe-trufm kweyeThupha nyakenye ze wachongwa kwishumi labagqwesileyo. Udlulele kwisihlanu sabagqwesileyo kwaye ngoku ujonge lo mhla mkhulu, uLwesihlanu womhla weshumi elinesithathu apho kuza kubhengezwa ophumeleleyo.

“Kudala ndiyazi ukuba ikamva lam likunomathotholo, kuba ndakhuliswa ngumakhulu wam owayemamela iinkqubo zikanomathotholo. Njengokuba ndikhula, ndaye ndazibona ndikumagumbi osasazo ndisenza endidume ngako, ukusasaza,” utshilo uBalintulo.

Ukuzilungiselela eli kamva lezosasazo uBalintulo ukhe wasebenza eMdantsane FM, Keith Ngesi Radio nakunomathotholo waseWSU ofumaneka kumnatha.

                       

Ophumelele kolu khuphiswano uza kufumana isivumelwano sonyaka sokusebenza ne-trufm njengomsasazi kuquka nemali engange-R10 000. Iivoti ziyavala ngentsimbi yesithathu ngoLwesihlanu kwaye ovote kakhulu uza kuvuzwa nge-R5 000.

Ukuvotela uNtombozuko Balintulo, bhala iSMS ethi RADIO 2 uyithumele ku 39721. I-SMS ixabisa i-R1.50, iSMS zasimahla azingeneli.