PAC: ‘Abantu baza kubhubha yindlala ukuba asiphakami’

Abanye babo baxhamle kwiipasele zokutya eCwili eKei Mouth UMFANEKISO: Facebook
UMongameli wePAC uMzwanele Nyhontso uthi izinga lendlala kubemi beli libi kakhulu, futhi xa iinkokheli zirhuqa unyawo abantu bakubhubhela ezindlini. 
UNyhontso ukuthethe oku emva kokutyelela uluntu lwaseCwili eKei Mouth apho ebekhokela iphulo lokunikeza iipasele zokutya kwiintsapho ezingamashumi amathathu anesine. 
ICwili yenye yeendawo ezisabonakalisa umsantsa wokungalingani kweli lizwe, nanjengoko iyindawo yabantu abamnyama abamelene noongxowa abanamashishini ngaselwandle. 
UNyhontso ebeze kule ndawo ezokuphisa ngeepasele zokutya kwiintsapho ezine, kodwa uthe wakubona imfuno emandla wabuya ezokupha iintsapho ezingamashumi amathathu. 
“Phaya kukho iifama namashishini ezokhenketho agudle ulwandle, kodwa indlela abantu baphaya abalamba ngayo, ayitsho ukuba bamelene noongxowa. Kulanjiwe phaya. Abantu bangabhubhela ezindlini yindlala ukuba asiphakami,” utshilo uNyhontso. 
UNyhontso uthi asiyontsomi eyokuba kusekho abantu abalala ngamanzi ngenxa yendlala. 
“BendikwaNombanjana (kuCentane) apho ndidibene natata uthile esithi ukuze atye uthatha itoti afudumeze amanzi awasele, emva koko alale ngesisu, kuba xa elele ngomqolo uyalunywa ngenxa yendlala kubenzima ukulala ebusuku. Simthengele ukutya la tata. 
“Thina ke sinika ukutya aba bantu bangazalaniyo nooceba. Okwethu ukutya koku nathi sikutyayo kumakhaya wethu. Okwethu kukhatshwa yi-2kg yenyama yenkukhu. Asiniki bantu ingqokoqhwane yokutya. 
“Ingxaki ininzi kubantu bakuthi. Abantu ngekhe bazindakanye ngokupheleleyo kwezopolitiko xa belambile,” kutsho uNyhontso. 
UNombulelo Bacela, onguye oququzelele oku, uthe: “Ndim onkqonkqoze kwiPAC ndicela inkxaso. Ndijonge indlela urhulumente anika ngayo abantu iipasele zokutya ndabona ukuba kukho abantu abalibalekayo, abakwimfuno emandla yokutya.”
Omnye kwabo baxhamlileyo uZolani Flepu uthe: “Ezi pasele zokutya zifikele kubantu abebezifuna. Ingxaki zibakhona iipasele zokutya apha ekuhlaleni, ingxaki ziya kubantu abathile.”
“Esi sipho sindincede kakhulu kuba akukho mali ingenayo nanjengoko kusavaliwe emsebenzini wam endisebenza kuwo kwalapha eKei Mouth, ” utshilo uFlepu.