Useziseleni obulele abantwana bakhe ngetyhefu

Ivela ngoMvulo umhla wesibhozo kwinkundla yamatyala eLibode indoda enamashumi amane anesibini ubudala ejongene netyala lokubulala nelokuzama ukubulala abantwana bayo abathathu nomnye kamakhelwane wayo. Esi sihelegu senzeke kwilali yakwaRenny eMagcakeni ngempelaveki.

UBrigadier Tembinkosi Kinana uthi ngokwengxelo abayifumeneyo, abantwana abathe bangamaxhoba okudliswa ityhefu ngamakhwenkwe aselula amane aphakathi kweminyaka emithathu ukuya kwesibhozo kwaye kubhubhe ababini.

UKinana uthi abathathu kwaba bantwana bane bebegcinwe kwamakhelwane emva kokuba umama wabo ebashiye kuba esiya kwidolophu yaseKapa eNtshona Koloni.

“Utata wabantwana ufikile waya kwamakhelwane eyokulanda abantwana nalapho afike wabapha iilekese ekurhaneleka ukuba uzifake iipilisi zetanki. Emva kokuba betye ezi lekese abantwana baye bapenapena baze babalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane, nalapho omnye kubo ebhubhelele endleleni eya esibhedlele. Owesibini ubhubhe ngethuba esaqala ukunyangwa esibhedlele,” utshilo uKinana.

Ingxelo iqhuba ithi oneminyaka emihlanu kula makhwenkwe, nongowasebumelwaneni, uye wakhutshwa esibhedlele kuba imeko yakhe ibingcono.

Omnye wesine wale ndoda usashiyeke esibhedlele elwela ubomi bakhe. Ngokophando kuvakala ukuba umrhanelwa kwakunye nomama wabantwana abathathu abavani, nangona nje kusaqhutywa nophando ukuva oyena nobangela wengxaki phakathi kwabazali de abe utata ubulala abantwana. Obambele njengoMkomishinala ePhondweni uAndre Swart simothusile esi sihelegu.

Uthi umthetho mawudlale indima yawo. Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso ephondweni, uLuxolo Tyali, uthi uvelile umrhanelwa ngoMvulo kwiveki ephelileyo, ityala lakhe lamiselwa uMvulo ozayo kuba ebesalinde igqwetha eliza kummela kwaye useziseleni.