Mabuyane: ‘Singayitshabalalisa le ntsholongwane’

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: FACEBOOK

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane uthi uluntu lunawo amandla okohlula intsholongwane yeKhorona.


“Sijongene nentsholongwane ebulalayo. [Apha ephondweni] ibulele amakhulu amathathu anamashumi amane anesithandathu (346) oomama, ootata, oosisi, oobhuti, abahlobo noogxa bethu. Sithumela amazwi ethu ovelwano kwezi ntsapho.

“Singayitshabalalisa le ntsholongwane ngokuhlala sinxibe iimaski xa sishiya amakhaya ethu, sihlambe futhi sifake isanithayiza kwizandla zethu, kwaye singasondelelani. Masishiye amakhaya wethu xa kukho imfuneko yokwenza oko.

 Hlala ukhuselekile ukuze uzikhusele wena buqu, usapho lwakho, uluntu lwakho, iphondo lakho kwanelizwe,” itsho ingxelo ephuma kwiOfisi yeNkulubaphathiswa.

Le Ofisi ikwabulele kubasebenzi bezempilo ngegalelo labo ekulweni le ntsholongwane.

“Sibulela abasebenzi bethu bezempilo ngokukhathalela abantu bethu abagulayo. Enkosi, mathandazwe, ngenkonzo yenu engajonganga nzuzo kubantu bethu, enkosi nangokunxiba ngendlela eyiyo izixhobo zenu zokhuseleko (PPE), kwanokunikeza inkonzo yokhathalelo kubantu bakuthi ezibhedlele, nakwiiklinikhi.”

Le Ofisi ikwathe okunokwenziwa luluntu kukuthobela imiqathango yokhuseleko.

“ICoronavirus ngubhubhane wentsholongwane. Sonke kufuneka sithobele imiqathango. Akukho zitumente zezemidlalo ezivumelekileyo, ngabantu abangamashumi amahlanu (50) kuphela abavumeleke ukuba bazimase isingcwabo, hlala ekhaya, uphume kuphela xa usiya kwenza umsebenzi ongundoqo, usiya kumaziko ezempilo, kwanasevenkileni.

“Nxiba imaski yakho xa ushiya ikhaya lakho, hlamba futhi ufake isanithayiza kwizandla zakho, uqinisekise ukuba awusondelelani nabantu ukuzikhusela wena buqu, usapho lwakho, uluntu lwakho kwanephondo lethu,” itshilo le Ofisi.