Babeke ithemba kuncumo lukaNoloyiso

IKumkanikazi ekhothamileyo yesizwe samaRharhabe uNoloyiso Sandile

IKUMKANI yesizwe samaRharhabe, uJonguxolo Vululwandle Sandile (28), utyibele umama wakhe, uKumkanikazi Noloyiso Sandile (54), esithi phakathi kwezinye zeemfundiso ayakuhlala ekholose ngazo kukuba ukuzigwagwisa nokuziphakamisa kufana nokuzigqwalisa eluntwini.

Le Kumkani entsha kwesi sizwe ibithetha kumngcwabo weKumkanikazi, ekhothame ngenxa yeCovid-19, nobubanjelwe eMngqesha eQonce ngeCawe esiyishiya ngasemva. UKumkanikazi Noloyiso ebeza kugqiba iminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu (55) kwiveki ezayo, ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga.

IKumkanikazi iqale ukuxhuzula imikhala yokukhokela isizwe sakwaRharhabe ngethuba kukhothama umyeni wayo uKumkani Maxhobayakhawuleza Sandile ngo2011. UKumkanikazi Noloyiso ukwigazi elinye ngesiko nokuzalwa neKumkani yamaZulu, uGoodwill Zwelithini.

Unyana wakhe uthi abayithandabuzi ingqeqesho abayifumene kumama wabo.

“Usikhulisile wasithanda, wasifundisa ukuthanda nokuhlonipha abantu, wasifundisa ukuba ngabantwana abahlonela uThixo. Ubungengowethu sedwa, sabelene nawe nesizwe samaRharhabe kwanelizwe liphela.

Kodwa uthando lwakho, zange lwasenza ukuba sibone awunalo ixesha lethu. Ubunoxanduva olukhulu, kodwa ixesha lethu ubunalo.

Ubuthetha iiyure ngeembono nangamaphupha onawo ngathi, njengabantwana bakho,” utshilo uKumkani Vululwandle Sandile, ecaleni kwakhe kume udade wabo uNkosazana NomaRharhabe Sandile.

“Siyayazi ukuba uza kuhlala usijongile maxa onke ukuze sifezekise loo maphupha, siqhubeke nemisebenzi obuyenza. Siyakuthanda mama, futhi sakuhlala sikuthanda. Siyakukhulula ngoku MaGeba, ntombi entle.

Iimfundiso zakuhlala zihleli ezingqondweni nasezintliziyweni zethu.

“Usikhulise, usifundisa imbeko. Zange ndambona umntu obethobeke [njengawe]. Ubuyibekele ecaleni into yokuba uphuma ebukhosini. Ubungumama osifundisa into yokuba ukuziphakamisa [akulunganga].

“Ubuyicaphukela into yokuziphakamisa usithi nakhuliswa ukuba ningabathandi abantu abaziphakamisileyo. Olo ncumo lwakho lwenza kuxole neentliziyo zethu,” utshilo uKumkani Jonguxolo.