‘Ndiphume phantsi kocingo, bekunzima’

IGOSA elinyanzelisa ukuthotyelwa kwemiqathango yokukhusela ukunwenwa kwesifo sekhorona kwiSithili saseChris Hani, liphume ngesango elingemva kumzi ubunomngcwabo eCacadu.

Umngcwabo lo ubuqhubeka kwikhaya elithile kuNdonga, eQaqeni kwidolophu yaseCacadu.

Ingxelo ithi eli gosa lingenelele emva kokuqaphela ukuba iyophulwa imiqathango ekhusela uluntu, into enokubangela ukunwenwa kwesifo. “Okokuqala bafune ukuvula umzimba bawubone, kodwa besibaxelele ukuba umntu ubhubhe yikhorona, kweli khaya kukho abantu abangamashumi amabini ananye abachaphazelekileyo, sibanikile yonke loo ngxelo sikunye namagosa eSebe lezeMpilo,” livakala lihlukumezekile, litshilo igosa.

I’solezwe linobungqina bevidiyo eshicilelwe ngeli xesha, nalapho enye yamadoda eli khaya ithintelwe ngabasebenzi benkampani yabangcwabi, ifuna ukungomba eli nenekazi liligosa lakwaMasipala.

“Ndincedwe ngabantu, bavule ucingo ngaphantsi, ndiphume phantsi kocingo, bekunzima kakhulu, ndihlukumezekile kakhulu sesi siganeko,” litsho igosa.

UNkosi uNgangomhlaba Mathanzima yenye yeeNkosi ezikhokele kwesa sithili sakuNdonga, uthethe wathi ngale ntlekele.

“Imbi kakhulu ngolu hlobo yenzeke ngalo, kukho la makhalipha akhaliphele ukwaphula umthetho ngexesha lengxaki, imithetho mayithotyelwe, yonke le nto yenzeka ngexesha sijijisana nesi sifo, intlungu yeyokuba akukho bani uya kuthatha uxanduva xa kukho ingxaki kwela khaya,” kutsho uNkosi uMathanzima.

Kutsha nje, iNkulubaphathiswa uLubabalo Mabuyane, udize ukuba bakwiphulo lokuphungula inani labantu abazimasa umngcwabo.

“Ngenxa yemeko kuza kunyanzeleka ukuba ibe ngabantwana bomfi, nabantu azalwa nabo kuphela abazimasa umngcwabo,” utshilo uMabuyane.

Ukusukela oko kungenwe kwinqanaba lesithathu lokuvalwa kwelizwe, zinyukile iziganeko zokungathotyelwa komthetho ngabahlali.

USodolophu weSithili saseChris Hani uWongama Gela uvakalise ukudana sesi siganeko sokuxhatshazwa kwegosa lakhe.

“Igosa eli sele lithunyelwe kwinkonzo yentuthuzelo ukuze lifumane uncedo lokulwa noxinizelelo olubangelwe sesi siganeko. Kungelishwa ukuba abasebenzi bethu abasemsebenzini bazibone bephathwa ngolu hlobo, bekhusela uluntu,” utsho uGela.

UGela ubongoze uluntu neentsapho ngokubanzi ukuba basebenzisane namagosa karhulumente kuba enza umsebenzi wawo.

“Uluntu malohlukane nokubenza ikheswa abantu namakhaya achatshazelwe sisifo sekhorona, makusetyenziswane kuliwe nesi sifo sigqiba ilizwe,” kutsho uGela.

UMasipala weSithili saseChris Hani uphakathi koomasipala beMpuma Koloni abafakwe iliso elibanzi ngurhulumente kazwelonke ngenxa yamanani abantu abanesifo sekhorona.

Le nkosikazi ihlangulwe ngabasebenzi benkampani yabangcwabi ibiqhuba lo mngcwabo ukuze isinde.

“Siyabulela kakhulu kwinkampani yabangcwabi ethe yakhusela igosa lethu kwezi zirhalarhume,” utshilo uGela.