Ababaninzanga abafana noMtsi

Alfred mtsi

Embindini wonyaka ka2015 iANC yenza utshintsho kulawulo lwayo koomasipala abambaxa nabanye abakhulu. Injongo yayinye jwi – ukuzisa uzinzo kwanokufaka ithemba eluntwini kuba ngelo xesha kwakunyembelekile, abantu bephulukene nethemba kumbutho olawulayo ingakumbi kwibakala loomasipala.

EMpuma Koloni abona masipala babesemngciphekweni wokulawulwa ngamaqela aphikisayo bebabini, iBuffalo City neNelson Mandela Bay.

Unyulo loomasipala lwaluza kubanjwa ngo2016. Ngenxa yoloyiko iANC yathumela uAlfred Mtsi njengosodolophu waseBCM ze eNelson Mandela Bay yathumela uDanny Jordaan. EyaseNelson Mandela Bay, yeyolunye usuku.

Ezi ndaba zokuchongwa kukaMtsi njengoSodolophu zathi ndii ekupheleni kweveki. Ngelo xesha I’solezwe lesiXhosa lalisapapasha rhoqo ngeentsuku zeveki ekuthambekeni kwenyanga yeSilimela 2015.

Njengoko kulindelekile iphephandaba langoMvulo lenziwe ngeCawe, ngentseni yaloo Cawe senza iinzame zokuqhakamshelana noMnu. Mtsi kuba sifuna ukuya senze udliwanondlebe, sifumane nomfanekiso wakhe. Into eyasothusayo siliphephandaba kukuba wabuza ukuba ziphi na iiofisi zethu, samxelela.

Ngenene waziqhubela imoto yakhe weza eofisini, senza olo dliwanondlebe, emva koko wahamba. Asiyonto elindelekileyo le kubantu abakwibakala lakhe. Omnye wayenokuthi masilinde de afumane okanye aqhele eofisini.

Omnye wayenokusizulisela athi usaxakekile okanye anike udliwanondlebe ngomnxeba, kodwa hayi uMnu. Mtsi.

Wonke umntu othethe ngale nkokheli ukusukela oko kuvakale umphanga wayo ukuya kumhla womngcwabo kwiveki ephelileyo, umchaze njengomntu obethobekile ehlonipha abantu.

USodolophu waseBCM uXola Pakati umchaze uMtsi njengenkokheli ebithethela phantsi ngokuzola kodwa iqinisekile ngento eyithethayo. UMtsi ebenguSomlomo waseBCM kwaye ubhubhe ngenxa yentsholongwane yeKhorona.

UMtsi idabi lomzabalazo uliqhube ezabalazela abasebenzi kwiCOSATU apho akhokele de wakwisihlalo sokuba nguNobhala wephondo laseMpuma Koloni. Uyishiye iCOSATU ngo1999 esiya kwiNdlu yoWiso-Mthetho eBhisho, apho wathi walilungu khona iminyaka de yabe iANC imcela ukuba ayokwenza uzinzo kuphihliphihli wezopolitiko waseBCM ngo2015.

Phakathi kwezinye zezihlalo athe wazinikwa eBhisho kukuba ngusihlalo woosihlalo, isikhundla esinikwa amalungu anamava.

UPakati uthi uMtsi ebekwazi ukuthetha ngendlela evanayo namaqela ezopolitiko aphikisayo ngenxa yamava wakhe kwinkqubo yedemokhrasi efanele ilandelwe.

“Yiyo le nto ilahleko kaqaban’ uMtsi ingeyolahleko nje kuphela kusapho lwakhe koko kuluntu lonke lwaseBuffalo City luphela. Ebengumntu othethela phantsi. Xa sele umnyolile ebecaphuka kodwa akwenze oko ngentlonipho,” utshilo uPakati.

Ewe ngoku iANC iza kuhlala phantsi ijonge uSomlomo oza kungena endaweni kaMtsi kodwa eyona nto engenakuze ikwazi ukuyifumana ngumntu oneempawu ezifana noMnu. Mtsi.

Oku kungenxa yokuba ababaninzanga abafana nale nkokheli. Lala ngoxolo Zikhali!