UKusile Mzantsi uphise ngamakhulu asibhozo eepasela kwiilali eziphantsi kwaMahlathi Municipality

Umbutho wesisa, uKusile Mzantsi ne-IDC, baphise ngamakhulu eepasela zokutya izolo eMgwali. Umfanekiso: Uthunyulwe

Umbutho ozimeleyo
ekuthiwa yiKusile Mzantsi, ubambisene nequmrhu likaRhulumente elibizwa ngokuba
yi-Industrial Development Corporation (IDC), uvise abantu baseMgwali kamnandi.
Oku kwenzeke entlanganisweni ebiseholweni laseMgwali – apho uKusile athe uza
kuphisa ngeepasela zokutya ezingamakhulu asibhozo kwiilali eziphantsi
kwaMahlathi Municipality. Lo mbutho okhokelwa nguMama uThobeka Mapukatha
uzimilisele iingcambu zawo ezilali kwaye uphala phambili nakumlo ochasene
nokuphathwa kakubi kwabantwana nomama eMzantsi Afrika.

“UKusile
Mzantsi ngumbutho ozimeleyo ojongene nophuhliso lwamaphandle. Sizama ukuba
abantu bahlale ezilalini, bangayi ezidolophini. Thina sikhuthaza ulutsha ukuba
luqale ulimo, ukusekwa kookopolotyeni kanti sikwalwa nempathombi yabantwana
noomama emakhaya. Sixhobisa oomama ngezakhono eziza kubanika ithuba lokuzimela
ebomini babo ukuze bayeke ukuxhomekeka kootata,” utshilo uMama uMapukatha.

     

Ukusukela oko
kwathi kwanqunyanyiswa iintshukumo zoluntu, abantu abaninzi abangathathintweni
baye bangamaxhoba wendlala ngoba abakwazanga ukuya kwiindawo zabo zesiqhelo
abathi bancedeke kuzo. Yiyo lo nto uKusile Mzantsi ebone kufanelekile okokuba enze
umahluko ezilalini. “Namhlanje iqumrhu likarhulumente, u-IDC, lithe ikhona
imali abanokuyifumana abantu abafuna ukuqala amashishini amancinci. Namhlanje silapha
kuba sizokupha abantu iipasela zokutya ezingamakhulu asibhozo eMahlathi
Municipality,” utshilo uMapukatha.

Inkokeli kawadi
9, uceba uNqenu Mboyi, uzamkele ngovuyo izipho ezinikwe abantu beelali zakhe zaseMgwali
naseNdakana watsho encoma nomsebenzi omhle owenziwa yiKusile Mzantsi. “Ndifuna
ukuncoma umsebenzi owenziwa yiKusile. Mhle kakhulu kwaye iyasebenzisana newadi
yethu. Njengalo mcimbi bawenze izolo no-IDC, baninzi kakhulu abantu abathe
baxhamla kwindawo yaseMgwali. Umama uMapukatha usebenza kakuhle kakhulu
njengenkokeli yeKusile. Ndifuna ukuyingqina, iyasebenza kakhulu. Bebonke abantu
abazuzileyo baphaya kwikhulu elinamashumi asixhenxe,” utshilo uMboyi.