Uzalele ngokwakhe ibheyile owabulala uAsithandile!

 

UViwe Rulumeni (22) ojongene netyala lokubulala awayencuma naye uAsithandile Kwasa Zozo (19) uxelele igqwetha lakhe ukuba akasayifuni ibheyile. Oku ukudize ngethuba evela kwinkundla zamatyala eDutywa malunga neli tyala abekwa lona.

URulumeni ebevela okwesibini ezinkundleni emva kwesehlo awasenzayo ngomhla weshumi elinesixhenxe esokubulala uKwasa phambi kwabantu kuba engafuni ukwaliwa. Emva koko naye wazama ukuzibulala uRulumeni nowavuka esibhedlele eGcuwa.

Esi sehlo senzeke kwinyanga ephelileyo nyanga leyo iyeyamakhosikazi.

ULuxolo Tyali nosisithethi seNPA kulangqingqi uthi inkundla iye yathi ikulungele ukujonga isicelo sebheyile sika Rhulumeni, nekuye kwaphakama igqwetha lakhe lisithi ucelile ukuba akasayifuni ibheyile.

Eli tyala liye lamiswa limiselwa umhla wesithandathu kwinyanga ezayo.