Uza kudilikelwa yijele umdlwenguli waseMdantsane!

 

Zizihlandlo ezisixhenxe zobom ngaphezulu yayiminyaka engamakhulu amathathu ethiwe nka kwindoda yaseMdantsane, uMalibongwe Ncokolo (44) yiNkundla ePhakamileyo yaseBisho.

UNcokolo, ubanjwe ngomhla wesixhenxe kweyeSilimela ku2017 neyibe kukuphumla kwamantombazana namakhosikazi ekuxhatshazweni ngokwezesondo nguNcokolo.

Esi simanga senzeke iminyaka emithathu, ukuqala ngo2014 ephindaphinda ukuzenzela kumabhinqa de wabe uyabanjwa ngo2017.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni uKhaya Tonjeni ithi ubanjwe kwisiganeko sokugqibela ezama ukudlwengula intwazana ene14 leminyaka.

“Isimanga esothusileyo sesokuba le ntwazana yaba nesibindi,, yazilwela, yasikhaba esi sidlwengu sayokuwa, yakwazi ukubaleka yafuna uncedo.

UNcokolo wabanjwa ngabahlali emva kwekhwelo lale ntwazana kodwa waphoncuka.

Emva kosuku ephoncuke ebahlalini, waye wavingcelwa ngabahlali kwakhona kowabo. Abahlali babiza amapolisa wabanjwa, kwathathwa incindi yakhe yofuzo yathunyelwa eKapa, neyafumaniseka ukuba maninzi amatyala abandakanyeka kuwo kummandla waseMdantsane,“ utshilo uTonjeni.

Ityala lakhe liqale kwinyanga yoMsintsi 2020 labe linamangqina ayi140 kwakunye namaxhoba ayi22. Kobo bungqina bungako kodwa ukwazile ukuthi phambi kwenkundla akanatyala.

Ishumi elinesibini kula maxhoba angamashumi amabini basebancinci, baphakathi kwesibhozo ukuya kwishumi elinesihlanu (8-15).

Ngokwengxelo kuvakala ukuba ebebalalela xa bevela esikolweni besiya emakhaya okanye besaya esikolweni ngakwihlathana abadlula ngakulo.

Abanye ebebalalela xa evela emsebenzini wakhe njengoko ebesebenza njengomhlambi weemoto.

UJaji uBelinda Stretcher kwiNkundla ePhakamileyo eBisho uwacalucalule onke amatyala kaNcokolo ebejongene nawo, awokubulala amathathu, ukuba, kwakunye namaninzi okudlwengula nto leyo ifikelele kwesi sigwebo asinikiweyo.

Abecuphi ababini ebebephanda ngeli tyala, uSajini Sizwe Gaika, onayo nembasa ngokuqaqamba emsebenzini wakhe kwakunye noWarrant Officer uPhumelele Tile, baqhwatyelwe izandla ngomsebenzi abawenzileyo.

OBambele njengoMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uGeneral Thembisile Patekile, encoma lo msebenzi wenziwe ngabecuphi, uthi esi isigwebo sisifundo kuye nabani na okweli phondo.