‘Ndiyazisola, nazi iimaski eziliwaka’

INKULUBAPHATHISWA yaseMpumalanga, uRefilwe Mtsweni-Tsipane, uthi uzisola ngokungazenzisiyo ngesenzo sakhe sokubonakala esidlangalaleni enganxibanga maski yokogquma impumlo nomlomo.

UMtsweni-Tsipane udale isankxwe, uluntu lunxakama emva kwemifanekiso yakhe ebonakale enganxibanga imaski kumngcwabo kaMphathiswa uJackson Mthembu eMalahleni eMpumalanga ngeCawe.

INkulubaphathiswa yaseMpumalanga uRefilwe Mtsweni-Tsipane enganxibanga imaski UMFANEKISO: FACEBOOK

Ekuqaleni, urhulumente wela phondo uthe le Nkulubaphathiswa “ayiyivanga ukuba iwile imaski yayo” bekwathi iye yamoshakala. Kodwa imifanekiso ebijikeleza, ibonakalise le Nkulubaphathiswa iyiphethe ngesandla imaski yayo.

UMphathiswa wamaPolisa, uBheki Cele, ebeyalele uMphathi wamaPolisa kuZwelonke, uNjengele Khehla Sitole, ukuba aphande esi sehlo. Oku kungenxa yokuba ngamapolisa anegunya lokubamba umntu onganxibanga maski esidlangalaleni.

UMongameli Cyril Ramaphosa usoloko eyigxininisa eyokuba lityala ukunganxibi imaski eyogquma impumlo nomlomo esidlangalaleni. Kwintetho yakhe yangomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMnga 2020, uRamaphosa wathi kulityala ukunganxibi imaski esidlangalaleni, esithi xa ubani ebanjiwe angajongana notshutshiso olunokuthi xa egwetyiwe lukhokelele kumdliwo wemali okanye ukuvalelwa iinyanga ezingadlulanga kwezintandathu, okanye ezi zinto zombini (umdliwo nokuvalelwa).

INkulubaphathiswa yaseMpumalanga uRefilwe Mtsweni-Tsipane enganxibanga imaski UMFANEKISO: FACEBOOK

Kwimbalelwano ayenze ngoMvulo, uMtsweni-Tsipane uthi uyile kwisikhululo samapolisa aseVosman, eMpumalanga, wakhupha umdliwo emva kokuvuma ityala.

“Ndithabatha eli thuba ukuxolisa kwakhona kuMongameli Cyril Ramaphosa, uSekela Mongameli David Mabuza, usapho lakwaMthembu, abantu baseMpumalanga kwanelizwe liphela. Bekufanele ukuba ndazi ngcono njengenkokheli yoluntu ingakumbi xa ndizimase umngcwabo [womntu] obeneCovid-19.

“Njengendlela yokubonakalisa ukuzisola, ndiye ndathenga iimaski eziliwaka eziza kusiwa eluntwini eMalahleni njengenxalenye yemfundiso nokulumkisana ngobuzaza beCovid-19,” utshilo uMtsweni-Tsipane.

UMtsweni-Tsipane ukwadlulise amazwi ovelwano kwabo baphulukene nezalamane ngenxa yeCovid-19, ekwanqwenelela ukululama abo banale ntsholongwane.

“Ndikwathabathe isigqibo sokuba ndithi gu bucala (isolation) iintsuku ezilishumi elinesine,” itshilo le Nkulubaphathiswa.