Igwetywe ubomi iNkosi ngokudlwengula izihlobo!

Inkosi yeelali zaseKhonqeni naseXhongorha eMthatha, uNkos’ Avelile Sakhisizwe Mtirara (32), nofunyenwe yinkundla yamatyala aseBityi enetyala lokudlwengula izizalwane zakhe nezolekelanayo, uza kuchitha ubomi bakhe bonke ejele.

Oku kuza emva kokuba ethe wagwetywa yile nkundla.

Ngokwengxelo ephuma kothethela iNPA kwingingqi yaseMthatha neziphaluka uLuxolo Tyali, uNkos’ uMtirara ebemane ukuzithathela ngolunya kwiintwazana ezimbini, ebimana isiya kowabo xa ilixesha leeholide, enye encinci yona ibihlala isigxina kowabo. Oku kwenzeke phakathi kuka2016 no2017. Ngeli xesha bekusenzeka oku amaxhoba ebeselula ngokweminyaka.

Ingxelo iqhuba ithi uNkos’ uMtirara ebeye abize ixhoba libe linye ngexesha, alibizele kurontawuli wakhe, rontawuli lowo ungekudanga kangako nendlu enkulu ekhayeni.

“Ebeye ixhoba ngalinye alidlwengule akugqiba aligrogrise ngokuthi kulo uyakulibulala ukuba likhe laxela ngokwenzeke kulo.

Amaxhoba ekuhambeni kwethuba aye achaza kumakhulu wawo nowaye wayokuchaza koonontlalontle ngesi sehlo,” utshilo uTyali.

Emva koko kwavulwa ityala.

Ubungqina bukagqirha obabuququzelelwa yiSinawe Thuthuzela Care Centre babekwa phambi kwenkundla.

Ngethuba kuqhuba ityala uNkos’ uMtirara waliphika ityala de yaba lusuku lokugqibela nelokugwetywa kwakhe.

Ngethuba ephekwa esophulwa ngemibuzo nguMtshutshisi wenkundla uLuvuyo Komanisi, ummangalelwa wakuphika oku ukuba ukwenzile, esithi liyelenqe nje elifuna ukumsusa ebukhosini njengenkosi.

Inkundla iye yamfumana enetyala uAvelile Sakhisizwe Mtirara, yabe ingqinelana nobungqina obe bubekwe nguMtshutshisi.

Inkundla idize ukuba le Nkosi ixhaphaze isikhundla sayo njengethemba kumaxhoba, kwaye nokuba sisizalwane kwaye nokuba ngumntu ekujongwe kuye ekuhlaleni.

AbeNPA basamkele esi sigwebo sinikwe okaMtirara.