Bagxeka ubuyekeyeke bengalo yomthetho kuxhatshazo lwamanina

Amanina elokishi iLand Camp eUgie athi iyekeyeke ingalo yomthetho ingakumbi kumatyala okuxhatshazwa kwamanina kula mmandla.

Oku bakuthethiswa kukungoneliseki kwabo ngendlela ityala lomfana (25) owadlwengula intombazana encumisana netshomi yakhe ephithizela nabo kwizitalato zaseUgie, kodwa ubungqina bokuba wadlwengula bukhona kushicilelo lwefowuni yexhoba.

Ixhoba (22) nelifunda eWSU eMonti lazinceda ngokushicilela kwifowuni yalo ngethuba libona ukuba liza kubasengxakini ngethuba lalisalinde isithandwa salo lihleliswe ngumrhanelwa kwindlu yesithandwa salo. Oku kwenzeka kweyoMdumba (February) kunyaka ophelileyo eUgie.

Amanina evathe mnyama ngethuba lokuvela kotyholwa ngodlwengulo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Olitshantliziyo kula mmandla uThino Mankayi uthi busesichengeni ubomi babo babhinqileyo kuba zininzi iziganeko zokuxhatshazwa kwamanina kwaye amatyala angahambeli ndawo.

Uthi ukukhululwa ngebheyile komrhanelwa akungomzekelo mhle kwenza ekubeni nezinye izaphulimthetho zidakase kuba zisazi zakukhutshwa ngebheyile.

“Ukuba lalingazange lishicilele efowunini ixhoba ngelingazange likholelwe luluntu nangumthetho xa lisithi lidlwengulwe ngenxa yohlobo olu lihamba ngalo eli tyala. Siyaphoxeka, siyadaniswa zinkundla zamatyala ngokohlobo eziqhuba ngalo kweli tyala. Siza kulwa de kube kanti utshintsho lukhona kweli tyala,” utshilo uMankayi.

Omnye olilungu lokuhlala othethe neli phephandaba uthi uyabona naye ukuba ingalo yomthetho iliyekele ixhoba. Uthi bekufanele umrhanelwa usengaphakathi eziseleni ingakumbi ubungqina bukhona kwaye bucace gca. Uthi uziva okungathi amatyala odlwengulo awathathelwa ngqalelo.

Olu shicilelo lwathi saa kumakhasi onxibelelwano. Lwenziwa lixhoba ubude ziiyure ezingapha kwesibhozo nalapho acenga umrhanelwa ekubeni angamlimazi, kwaye emcenga ekubeni makangayenzi le nto ayenzayo kodwa waphela eyenza.

Umrhanelwa uvelile enkundleni ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga ephelileyo lachithwa ityala kuba ummangali engekho ngaphakathi enkundleni, kanti ummangali ulinde ngaphandle elindele ukubizwa njengoko wakhutshwa kusithwa kuphungulwa inani njengoko kulandelwa imiqathango yeCovid-19.

Umrhanelwa ubuyele kwakhona ngomhla wesine kule nyanga ze ityala lamiselwa umhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga yeKhala (July). Umrhanelwa ulinde ngaphandle apho agilana nexhoba.