Umqeqeshi weChippa unqwenela isiqalo esahlukileyo kwisizini ezayo

USomalia Ntsundwana weRichards Bay FC noNyiko Mobbie weChippa United F.C. besilwela ibhola emdlalweni weGladAfrica Championship (PlayOffs) eRand Stadium. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Ukuba akuguqukanga nto, iChippa United iza kuyigcina indawo yayo kwiDStv Premiership kwisizini eza kuqala kwinyanga yeThupha. Iqela laseMpuma Koloni lifumene elinye ithuba emva kokuba liqokelele amanqaku emidlalweni yokuxabangela (PlayOffs) nangona bekukho isiphithiphithi esenziwe yiRoyal AM ekhethe ukungadlali. IChippa United ifumene amanqaku amane kwiRichards Bay eyibethe ngo’2-1 emdlalweni wokuqala eGqeberha phambi kokubambana nayo kwakhona ngo’1-1 kwiveki ephelileyo KwaZulu-Natal. Izuze amanqaku amathandathu emva kokuqengqela iRoyal AM ekhethe ukuya enkundleni emva kokuba inkundla yathi makunyuselwe iSekhukhune United endaweni yayo.

Emva kokudlala neRichards Bay ebilushica kowayo, uLehlohonolo Seema (obekade engumqeqeshi weChippa) uwuncomile umsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe. “Umdlalo ubunzima kakhulu. Ibisazi iRichards Bay ukuba ingaphumelela, ingafumana ithuba lokunyukela kwiDStv Premiership,” utshilo uSeema.

Kurt Lentjies of Chippa United F.C. during the GladAfrica Championship 2020/21 Playoffs match between Richards Bay and Chippa United on the 26 June 2021 at Rand Stadium, © Gerhard Duraan/BackpagePix

Emva kokungabethwa kweChippa United, uSeema uvakalise uchulumanco kodwa watsho esithi unethemba lesiqalo sesizini esibhetele. USeema ubuyele kwiChippa United ekupheleni kwesizini emva kokugxothwa yiBlack Leopards ethotyiselweyo. Emva kokuphela kwemidlalo yokuxabangela, uSeema kuthiwa uza kuqeqesha iGolden Arrows.

Ekuqaleni kwesizini ephelileyo, wayengumqeqeshi weChippa – kodwa wagxothwa emva kwemidlalo emihlanu qha. “Khange siyijongele phantsi iRichards Bay. Siyibonile indlela elwe ngayo emdlalweni. Kodwa amava aye asinceda ekugqibeleni. Eyona nto ebibalulekile kuthi ziziphumo ngaphezulu komdlalo omhle. Indonwabisile indlela esidlale ngayo. Ndiyabancoma abadlali ngoba bakwazile ukuziphatha ngelona xesha elinzima. Sikwazile ukulwa ukuze sibuyele kwiPSL. Ndinethemba lokuba sakuyiqala ngendlela ebhetele isizini ezayo futhi siqinisekise ukuba asiphindi sibe kwisimo esikuso ngoku,” utshilo uSeema, ethetha ngeChippa esinde ezembeni izihlandlo ezine zilandelelana.