Yamkela abadlali abatsha iPirates engekho uJosef Zinnbauer!

Amaqela adlala kwiDStv Premiership, ngokwahlukana kwawo, abuyele ezinkampini – apho alungiselela khona isizini entsha eqala kwinyanga ezayo. Yona i-Orlando Pirates iqale eyayo inkqubo ngokwamkela abadlali abane bonke. Amagama wabadlali abatsha nguMonnapule Saleng, uKwanda Mngonyama, uGoodman Mosele noBandile Shandu. USaleng uthathwe yiPirates atyikitye iminyaka emithathu kuyo emva kokufaka amagowuli amaninzi kwiGladAfrica Championship engumdlali weFree State Stars. Emva kokungadlali ixesha elide kwiMaritzburg United, uMngonyama unethemba lokuvuselela isakhono sakhe kiwBucs atyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emibini kuyo.

Yena uMosele osuka kwiBaroka FC ityikitye isivumelwano seminyaka emine kwaye useTokyo – apho ayinxalenye yeqela lesizwe lebhola ekhatywayo (SA Under-23) eliza kumela uMzantsi Afrika. Konke oku kubhengezwe yiPirates ekwathe abadlali babuyele enkampini ngokusesikweni – kodwa ayikhuphanga lizwi ngoJosef Zinnbauer ongekabuyi. Ekupheleni kwesizini ka-2020/21, bekukho iingxelo ezithi abaphathi beBucs abonelisekanga ncam ngumsebenzi kaZinnbauer nangona iqela livale isizini kwindawo yesithathu, libuyele emidlalweni yeCAF liphumelele neMTN 8 emva kwesithandathu sonke seminyaka.

Kwiiveki eziphelileyo, kuthe gqi iingxelo ezithi iPirates ifuna uSteve Komphela oza kuncediswa nguMandla Ncikazi emthathe kwiLamontville Golden Arrows. Ixingile iPirates okwangoku ngoba akubonakali ngathi iSundowns iyafuna ukumkhulula uKomphela. Okunoba ngumqobo yintlawulo yezigidi ezivisayo kuba enesivumelwano seminyaka nayo. Ukungaxoli kwangaphakithi kwiPirates kubangelwe kukungaqhubi kakuhle kweqela emva kokuphumelela iMTN 8 ekupheleni konyaka ka-2020. Ebenabo abadlali uZinnbauer abenokukhuphisana ngabo neSundowns ethathe indebe emva kokuqokelela amanqaku amaninzi – kodwa kuye kwanzima kwiPirates nokufikelela kwindawo yesibini AmaZulu FC ayibambileyo okokuqala ekupheleni kwesizini.