Kukhala isiginkci sikaMotaung Junior ngoku eNaturena!

Usihlalo weChiefs, uMnu. Kaizer Motaung nonyana wakhe uKaizer Motaung Junior.

Abalandeli beKaizer Chiefs bakhululekile emva kokuphelelwa kwesigwebo sonyaka wonke esibangele ingakwazi ukuthenga abadlali abatsha. Njengokuba kulindeleke kufike abadlali abatsha, Amakhosi azise uKaizer Motaung Junior njengomlawuli omtsha weqela ekubonakala ngathi konke okwenzeka kwiChiefs kuphantsi kwakhe. Esi sibhengezo senziwe ngusihlalo ubuqu, uMnu. Kaizer Motaung, kwiveki ephelileyo emva kwesizini yeDStv Premiership ebingancumisi nangona Amakhosi ekwazile ukwenza imbali ngokufikelela kwisigaba sokugqibela seCAF Champions League. UMotaung Junior uyaziwa jikelele ngoba wayeyifolosi yeChiefs phambi kokubeka phantsi iintambo ngo-2014.

Emva koko waya kwiziko lemfundo ephakamileyo – apho wafumana khona isidanga kwizifundo zolawulo kwicandelo lezezimali (Bachelor of Commerce in Financial Management) ngo-2019. Ebesoloko efunda umsebenzi kwiChiefs nakubeni ebengumfundi. Njengomlawuli, uJunior uza kusebenzisana noBobby Motaung, otshiswa ngamalahle xa izinto zingahambi kakuhle, noMolefi Ntseki okwicala lophuhliso. “Ndiza kubambisana noogxa bam. Umsebenzi wethu kukuqinisekisa ukuba iKaizer Chiefs iyaligcina igama layo ebholeni yehlabathi. Sesiyibonisile lo nto ukuba ingenzeka ngokuqhuba kakuhle kwiCAF Champions League,” utshilo uJunior. Kunyanzelekile kwenziwe iinguqu eNaturena ngoba abalandeli abonwabanga yindlala yeminyaka emithandathu.

Ethetha ngokuchonga kwakhe unyana wakhe, uMotaung uthe: “Njengokuba sinephulo lokubuyisa ubunganga beChiefs, sithe uMotaung Junior makabe ngumlawuli. Nguye uza kuqinisekisa ukuba zonke izinto zihamba kuhle kumaqela wethu ngokohlukana kwawo kwaye uza kusebenzisana noMolefi Ntseki noBobby Motaung ongumanejala weqela elikhulu,” utshilo usihlalo. Phambi kokudlalela iChiefs endala, uMotaung Junior wadlalela iWits University, iKaizer Chiefs Academy, iChelsea neTSV Munich 1860. Amakhosi aza kuvana amandla ne-Al Ahly emdlalweni weChampions League ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga eStade Mohammed V kwidolophi yaseCasablanca kwilizwe laseMorocco.