Oomama baxhaswe ngesixhobo sokucoca indalo

Kule nyanga yamanina, amanina aseCacadu phantsi komasipala waseEmalahleni azive nawo ebalulekile emva kokuba lo masipala uthe waxhasa amanina alithoba kakopolotyeni obizwa ngokuba yiCacadu Recycling Cooperative ngomatshini owaziwa njengokuba yiBailing Machine wokucola ubugoxo beentsimbi ezindala, iibhotile zeplasitiki, amaphepha kwakunye nobunye ubumdaka.

Usihlalo weCacadu Recycling Cooperative uNomazulu Mtwa uthi ubomi buza kutsho bube lula kubo ngoku emva kwento enkulu kangaka abayenzelwe ngumasipala wabo.

Uthi bekukade kunzima beqokelela nje bengenawo umatshini, esithi bekungelulanga ncam. UMtwa uthi ngokuncediswa kwabo ngulo masipala oomama baseCacadu bazokwazi ukusebenza babheke phambili.

UNomzi Tyhulu kaWadi 4 Emalahleni ethetha kulo msitho wokuxhaswa kwamanina ngoLwesibini, uthe xa ungumntu ongumama utshatile, ungatshatanga umzila ubakhona kwindawo okuyo soze kulalwe endlini kungatyiwanga kuba usoloko esiza necebo. UTyhulu utsho xa ebebhiyoza namanina aseCacadu, esithi ukuba kunganje amanina angahlala exhasana angamonelani xa ebona elinye inina lisonyukela ayazi naye angaya phambili.

Logama yena uNonkosi Mvana olilungu lepalamente kwiOfisi eseMalahleni ethe anenyhweba amanina ala mmandla kuba akhokelwe ngumntu ongumama oza kuthi xa ehleli phantsi acinge ngabanye oomama. UMvana utsho ekhuthaza la manina ekubeni ukuba awugcine kakuhle, awukhusele kwaye awukhathalele lo matshini. Ukwashiye nomyalezo wokuba bazigcine bekhuselekile kweli xesha linzima lesifo seCovid-19.

Usodolophu uNontombizanele Koni nobenikeza ngalo matshini kula manina uthe bafuna ukuqinisekisa ukuba uqoqosho luyakhula Emalahleni.

“Asiyondlela nambane kuphela iinkonzo zoluntu, kuba le projekthi yala manina iya kuthi izise isonka endlini, yenze utshintsho. Aba mama abaphangeli kodwa bacinga ukuba ubumdaka obu bungalonyusa uqoqosho kwaye babona ukuba ikhona indlela abenza ngayo ingeniso. Omnye umntu angayibona ingeyonto le nto yokuqokelela udothi okanye izinto ezimdaka. Ngoku sininika amandla nibheke phambili nikhule kwaye nidale namathuba emisebenzi,” uvale ngelo uKoni.

Isithethi salo masipala uLuthando Nqumkana uthi lo matshini uxabisa imali engangeR185 000 kwaye uza kuthi wenze umohluko omkhulu kwaba mama. Uthi kuza kuba lula yonke into ngoku kuba umsebenzi wabo baza kuwenzela kwalapha eCacadu besebenzisana nabanye oomama, akukho nto iza kubasokolisa yokuba base umsebenzi wabo kwenye indawo.