Dalindyebo: ‘Isiqhamo seenyembezi zam’

IKUMKANI yabaThembu, uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo, uthi isipho somnyobo weMercedes Benz awuphiwe yiEFF yimpendulo kwiinyembezi zakhe.

Ethetha eMthatha kumsitho wokumamkela ngokusesikweni emva kokukhululwa ejele kweyoMnga 2019, nobuququzelelwe yiEFF, uDalindyebo ubalise ngokutyelelwa kwakhe ligqiza leEFF elalikhokelwa nguMongameli weEFF uJulius Malema ngethuba esejele.

Eli gqiza uthi lamcenga ukuba makatye ukutya kulandela ugwayimbo awayelenzile lokungafuni kutya.

INkokheli yeEFF uJulius Malema noKumkani Buyelekhaya Dalindyebo bekunye neqela lomxhentso kwanezinye iinkokheli zeEFF UMFANEKISO: FACEBOOK/ EFF

“Ndiyayibulela nale yoba ndibe lapha ndiphila. Wathi uCIC (Malema) abahambi (phaya ejele) ndingatyanga, nyhani kwatshona ilanga bengahambi. Ndabona ukuba yingxaki ke le. Uyazi ngelinye ixesha xa umamela oobhuti bakho, zikhona izinto ekufuneka ugobe uphondo kuzo, kuba ngokwenza njalo ulungisa enye.

“Ndagoba uphondo ngokubona le mfesane nale mfobe yenziwa ngaba tata (EFF), yokundithanda ndiselulingweni,” utshilo uDalindyebo.

UKumkani Buyelekhaya Dalindyebo nowakwakhe uKumkanikazi Nokwanda Dalindyebo kwimoto entsha ethengwe yiEFF UMFANEKISO: FACEBOOK/ EFF

UDalindyebo uthi ukuphuma kwakhe ejele, wathengelwa iHyundai Tucson nguPatrice Motsepe. “Ngubani onokuthi uPatrice Motsepe wayendinyoba xa ebhadlile? Abantu beminye imibutho, endaweni yokugxibha, mababenesikhwele..”

Le Kumkani ikwaxele ukuba sele isuka kuthengelwa imoto ngobesakuba nguMongameli uNelson Mandela.

“UMadiba (Mandela) uvela kundithengela iveni, enguMongameli weANC akuzange kukhwaze nempukane, zange kuthethe nebhabhathane, zange kushukume nomnyiki.

“Ungacingi xa unika uZwelibanzi into entle uyamthenga, kuba akuzange kube kudala sohlukana noMadiba (ngokweembono). Sohlukana ngezinto azenzayo (uMandela) endingakholelwayo kuzo. Ndayishiya loo ANC yakhe egqiba kundipha iveni.

“Uyandazi uCIC ukuba andisosiluthuluthu, isiluthuluthu esihambe sinyotywa yonke indawo le. Le into (endiyinikwa yiEFF) ingase niyazi ukuba isisiqhamo seenyembezi, yeka nje singafuni ukuhamba silila,” utshilo uDalindyebo.

UJulius Malema noFloyd Shivambu betyhila imoto entsha abayithengele uKumkani Buyelekhaya Dalindyebo UMFANEKISO: FACEBOOK/EFF

UMalema uthi abasoze bamlahle uDalindyebo kuba, bengumbutho, bayabuhlonipha ubukhosi bemveli yabantu abamnyama.

“Sasiyityelele iKumkani ejele. Singamnyoba njani uKumkani xa sasinaye ejele, xa wonke umntu wayemnikele umva? Lo rhulumente wakhetha ukuvalela iKumkani. Thina saya ejele, senza konke okusemandleni ukuqinisekisa iKumkani iyakhathalelwa.

“Xa iKumkani yayikugwayimbo lokungafuni kutya ejele, saya kuyo sayixelela ukuba mayitye. Samxelela ukuba abantu bakhe nesizwe sakhe basamfuna,” kutsho uMalema.

Imoto entsha kraca ethengelwe uKumkani Buyelekhaya Dalindyebo yiEFF UMFANEKISO: FACEBOOK/ EFF

UDalindyebo uthi uqale ukwazi ngeEFF ingekasekwa.

“Ndingomnye wabantu bokuqala uCIC (Malema) awaza kubo eBumbane phambi kokuba isekwe iEFF. NdiyiNkulu hayi kwiiKumkani nje kuphela, kodwa nakumzabalazo ngobuqu.

“Lilungelo lam ukuba kuloo ndawo ndifuna ukuba kuyo. Iingcambu zokwakhiwa kwale EFF (ndiyazazi). (UMalema) ebeleqwa naye, saziinkedama, sawolana,” utshilo uDalindyebo.