Imincili koligqwetha emva kwentsokolo

Akawuvali umlomo yimincili uSiyaxola Komanisi (27) emva kokuba ethe wafumana umsebenzi osisigxina kwaye awufundeleyo.

UKomanisi yinzalelwane yakwilali iNcerha eTsholomnqa, eMonti. Uphila nenkubazeko kwaye ngoku ungumzekelo kwabaninzi. UKomanisi uthweswe isidanga ngeyeSilimela kulo nyaka yiYunivesithi yaseFort Hare kwizifundo zoMthetho.

Encokola neli phephandaba ngeyeSilimela emva kokuthweswa kwakhe, wadiza ukuba akanamva akanamphambili nanjengoko engenabo abazali. Uthi umama wakhe owayesehla esonyuka naye ebunzimeni waba buhlungu xa ebhubha kanye xa kufuneka ethweswe isidanga.

UKomanisi ufumene umsebenzi kumagqwetha abucala eMonti kwaye uqalise kule nyanga sikuyo. Uhleli nje iinyanga ezine ekhangela umsebenzi wawufumana. Uthi oku kuye kufana nokuqala kokukhanya kubomi bakhe.

“Ewe yona imingeni yobomi iza kuba khona kuba akukabiphi. Kuba ndinoxanduva lwabantwana basekhaya kwakunye nekhaya lam emva. Akuzukuba lula kodwa akuzukufana kunomntu ohleliyo ongenathemba la nto. Okundincedileyo ukuze ndibe ndifumana umsebenzi bendivuka ndingene umnyango nomnyango ndikhangela umsebenzi. Besele ndikhangela nongengowobugqwetha, kodwa ngeemfemfe zikaThixo ndawufumana,” utshilo Komanisi.

Uthi kwezi nyanga zine imali yokukhwela xa eyokufuna umsebenzi ebethengisa icuba aphinde enzele nabantu umsebenzi wesikolo, bambhatale akwazi ukukhwela.

Uthi ngamanye amaxesha ebemane ephoxwa nangoonogada kwezi nkampani ebenkqonkqoza kuzo engekangeni nangaphakathi, kodwa uthi ebephinda avuke akhangele angapheli mandla.

Ukhuthaze oogxa bakhe abasakhangelayo abafana naye esithi bangatyhafi kuba iintsikelelo azifiki ngexesha elinye, uthi zifika ngokufika. Ekwacebisa ukuba isicelo sakho silandelele sukulindela ukubizwa.

“Kum kuthathe iinyanga ukufuna umsebenzi. Komnye kuzothatha iiveki komnye ibe yiyo neminyaka emibini okanye elishumi ekhangela. Kodwa nyamezela ukuphoxwa utyhudise usiya, kwaye unyamezele ucinge ngoku ububethwa ngamaqhwa xa usiya esikolweni,” uvale ngelo uKomanisi.

UKomanisi izifundo zakhe zoMthetho uzenze kwaNokholeji eDikeni. Uthi ukuze alandele eli candelo lokwenza ezi zifundo zoMthetho kungenxa yentsokolo awajongana nayo esemncinci, aze abe kanti uphela ehamba ngesitulo esinamavili (wheelchair) ngenxa yokutyikitya kwanto esibhedlele bengazi ngamalungelo wabo.

Uthi ebehlala eyazi ukuba imfundo sisitshixo sento yonke ebomini.

UKomanisi bahlanu kumama wakhe, yena ungowokugqibela kwaye ungowokuqala ukuthweswa isidanga.