‘Uxolweni ngokuvumela uSathana andisebenzise’

IQABANE likaNosicelo Mtebeni, uAluta Pasile, lixelele inkundla ephakamileyo eMonti kule veki ukuba liyaxolisa “ngokuvumela uSathana” alisebenzise ekubulaleni futhi lanqunqa umzimba walo mfundi waseFort Hare.

UPasile (25) ulivumile ityala lokubulala uNosicelo (23) apho wathi akuyibulala le ntwazana yaseMatatiele wathatha umzimba wayo wawunqunqa ze wawufaka kwisuthikheyisi kweso sehlo sibi wasenza eQuigney eMonti kweyeThupha.

NgoLwesine uPasile ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ngetyala lokubulala ze yayiminyaka elishumi ngelokuzama ukuphazamisana nengalo yomthetho. UJaji Thami Beshe uyalele ukuba zihambe ngaxeshanye ezi zigwebo.

Inkundla ive ukuba uPasile wahlala naso iintsuku ezintathu endlini isidumbu sikaNosicelo ze wangena kumnatha wonxibelelwano (online) wajonga ukuba umzimba womntu unqunqwa njani.

Emva kokuba ebonile ukuba unqunqwa njani, uPasile watshaya isiyobisi sohlobo lweTik ze wayokuthenga izixhobo zokunqunqa umzimba kaNosicelo.

Aluta Pasile UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Isithethi seNPA uAnelisa Ngcakani uthi konke oku kuza emva kokuba uPasile noMtebeni babe zonwabele besela kubusuku bomhla weshumi elinesithandathu kweyeThupha.

“UPasile (uthi) waqaphela ukuba endaweni yokuhoya yena, uMtebeni wayengawasusi amehlo wakhe kwifowuni yakhe. (UPasile) wambuza ngale nto ze yaqala ingxabano.

“Ngosuku olulandelayo, ngethuba uMtebeni ekwindlu yangasese, uPasile wakwazi ukuvula (password) ifowuni kaMtebeni ze wabona imiyalezo ethi ‘I love you’ nothi ‘I miss you’. Kulapho uPasile wathatha imela wamhlaba uNosicelo, wamngqubisa naseludongeni,” utshilo uNgcakani.

Kodwa enkundleni, kufumaniseke ukuba le miyalezo yayikwathunyelwe nguPasile kwifowuni kaNosicelo.

Enkundleni kule veki, uPasile ebemelwe ligqwetha likarhulumente uNcumisa Dyantyi, othe wafunda incwadi ebhalwe nguPasile ngolu hlobo: “Kubuhlungu futhi ndiziva ndinentloni ngento endiyenzileyo. Ndiyazisola ngezenzo zam. Ndiyayazi ukuba into endiyenzileyo ibangele intlungu nonxunguphalo kusapho lukaNosicelo nakuluntu luphela.”

UPasile uthi uyaxolisa ngokungazenzisiyo kusapho lukaNosicelo, engakwazi nokucinga ukuba inoba injani imeko yalo ngenxa yesenzo sakhe.

“Ndicela uxolo kakhulu kusapho lakwaMtebeni ngokuvumela umoya kaSathana andisebenzise ekuthatheni ubomi bomntwana wenu. Ndiyaxolisa kakhulu nangento yokuba ndizame ukuphazamisa uphando lwamapolisa nokuvumela umoya ongendawo ndenze le nto ndayenzayo ngomzimba wakhe.

“Ndiyazisola kakhulu ngokwenza esi senzo sibi sindizungulayo rhoqo xa ndihleliyo. Naxa ndivale amehlo, ndiye ndibone lo mbono mbi ndisenza la nto ndayenzayo. Ndicela uxolo kuwo wonke amanina [eli lizwe], ndinqwenela bandixolele nangona bengasoze balibale, kodwa uThixo uza kuzisa uxolo ebomini babo,” itshilo ileta kaPasile.

Kodwa utata kaNosicelo, uKholisile Mtebeni, uthe akanalo uxolo ngakuPasile. Ephendula kule leta kaPasile, utata uKholisile akakhange akwazi ukuzibamba iinyembezi wanyanzelisa inkundla ukuba ikhe inqumame kancinane logama amagosa ezama ukumthuthuzela.

Utata kaNosicelo uKholisile Mtebeni egixa enkundleni UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Emva kokuba ethe wangcono emphefumlweni, uKholisile uxelele inkundla ukuba: “Ndiyayiva le nto ayithethayo kodwa andinakukwazi ukumxolela, kuba naye zange amxolele umntwana wam. Yena abakhe abazali baseza kumbona, thina owethu umntwana asokuze siphinde simbone. Umthetho mawudlale indima yawo.”

Umtshutshisi uNickie Turner uxelele inkundla ukuba ngenxa yesenzo sakhe lo kaPasile ufanelwe kukugwetywa ubomi entolongweni, logama uDyantyi evakalise ukuba isigwebo esifanele uPasile yiminyaka engadlulanga kwengamashumi amabini.

UKholisile Mtebeni uthi abonelisekanga sesi sigwebo. Uthi bebefuna agwetywe ubomi ejele uPasile.

Kwalapha enkundleni, unontlalontle obeke wagocagoca uPasile, uNomonde Stamper, uxelele inkundla ukuba uPasile umxelele ukuba uyambona uNosicelo ngoku aseziseleni.

Maxa wambi, kutsho uStamper, uPasile ukhe abone uNosicelo esiza kuye enxibe ilokhwe emnyama, athi esajonge leyo ivele iwe intloko kaNosicelo.

UStamper ukwaxelele inkundla ukuba uPasile ibingumntu othanda ukubukela imiboniso eneenyoka, uhlaselo neemfazwe.