Kuthe kanti unamanye amatyala ezenzo zesondo umfundisi!

Ityala likaApostol Mbongeni Pakade (45) limisiwe kwakhona ngoMvulo kule veki limiswa yiNkundla yamatyala eMaxesibeni (Mount Ayliff) kuba isithi uPakade uyaziwa kwaye angakwazi ukutshintsha iingqondo abangqini njengoko ehlonitshwa kula mmandla.

UPakade, nongowebandla elaziwayo iGod’s Power Family Church ekwilali iSugarbush kwaseMaxesibeni, ujongene netyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesithandathu (16) engumzukulwana wetshomi kaPakade.

Oku kwenzeka ngeyeDwarha kunyaka ophelileyo ngethuba umzukulwana esuka esikolweni. UPakade wakhwelisa ixhoba esithi uyalikhapha ligoduke, emva koko wamisa ngasehlathini walidlwengula, waliyalela ukuba lingaxeleli mntu ngokwenzeke kulo.

Ingxelo ithi ixhoba laxela kutitshala walo emva kokuqatshelwa ukuba ezifundweni alisaqhubi kakuhle njengesiqhelo.

Ngaphakathi enkundleni kukwavakale ukuba uPakade unamanye amatyala ezenzo zokuhlukumeza ngezesondo ngaphandle kweli ebevelela lona lokudlwengula umzukulwana wetshomi yakhe.

Ngokwengxelo yesithethi seNPA kula mmandla, uLuxolo Tyali, uPakade ukuqala kwakhe ukuvela ngeyoMnga kunyaka ophelileyo wayala ibheyile. Kodwa kule nyanga utshintshe iingqondo efuna ibheyile.

OnguMtshutshisi uGcinabantu Jubase uthe ukukhululwa kukaPakade akukho semdleni wezobulungisa. UPakade ushiyeke ngaphakathi eziseleni laze ityala lakhe lamiselwa inyanga ezayo umhla wama28..