Ayisenantanga elalini yayo inkondekazi

UNomfinyana Titi Hlekani akanantanga kwilali yakhe yakwaDowu eTsholomnqa. Le nkondekazi, nesakwaziyo ukutshayela ibala lomzi walo, ibigqiba ikhulu leminyaka kule nyanga.

Usapho lwakhe, abazukulwana nesizukulwana bamenzele itheko ngempelaveki lokugqiba leminyaka.

Omnye wabazukulwana bakhe, uNopinki Kawe, uthi ukuqala nje kumalungiselelo okwenza eli theko bekumnandi besebenzisana nabanye abazukulwana de omnye wakhupha inkomo eyedwa, ekhuphela umakhulu wabo.

UNomfinyana kuthiwa usazihambela nangona nje ke ecothoza, ingxaki anayo kukungaboni kakuhle, amehlo sele enorhatyazo okunye kukungeva ncam ngeendlebe. UNopinki uthi kufuneka ukhwaze kwaye umjonge ebusweni xa uthetha naye.

Umnqa ngowokuba abazukulwana bakhe ubazi engabajonganga, mzukulwana ngamnye umva ngelizwi.

UNopinki, uthi bangapha kwamashumi amahlanu anesithathu (53) bebonke kuquka nesizukulwana. Bona abantwana bakamakhulu babesixhenxe bebonke, kwabhubha ababini.

Itheko likamakhulu belingoMgqibelo kwaDowu. Obethetha njengomhlobo mncinci kuye kuba kaloku akasenayo intanga elalini yakhe kuba babhubha bonke.

“Siziva thina sisenomakhulu ode wagqiba le minyaka sisikelelekile, kwakuba kuthanda thina xa singafundi nto kuye. Sibone kubalulekile ukumenzela eli theko, sizilandela iintsikelelo kwaye besibulela noThixo ngaye,” utshilo uNopinki.

UZukelwa ongomnye wabazukulwana bakamakhulu uthe:

“Sibulela ummangaliso esithe sawenzelwa nguThixo wokuba asiphe ithuba elingaka nomakhulu wethu engabikwa hlaba njengoko engengomntu utya pilisi yasigulo.”