Umfundi ufumene imbasa yokulwa ulwaphulomthetho

UAmila Febana wesikolo iEmmanuel High eGcuwa nobenenyhweba yokuba nguMkomishinala wosuku, uthi bona bengabantwana bayafana nesiphontshi, sona sifunxa yonke into njengokuba injalo.

Apha kungethuba uMkomishinala wePhondo uNjengele Nomthetheli Mene ebezimase ingxoxompikiswano yosuku yabantu abatsha eButterworth Training College, ebimalunga nokuliwa kwezenzo zolwaphulomthetho ebiqhutywa lisebe lesiPolisa.

UFebana uthe: “Singabantu abatsha, iingqondo zethu zisebenza okwesiphontshi, okubi nokuhle sikuthatha konke ngexesha elinye. Izenzo zokuxhaphazeka kwanokuphatheka gadalala emakhaya kubazali bethu ziyasichaphazela, kungoko sidinga uncedo loluleko lwasengqondweni. Nokuba na ngamanye amaxesha ayenzeki ncam endlini kuwe, kona siyaphazamiseka, kwaye iyasichaphazela,” utshilo uFebana.

Abafundi baye banikwa imixholo emine abebexoxa phezu kwayo ngolu suku ebimalunga nokuxhatshazwa kwabantwana namakhosikazi.

UNjengele Mene uthi wonke ubani unoxanduva lokulwa izenzo zokuxhatshazwa kwabantu emakhaya kuquka nokuxhatshazwa kwabantu abadala.

“Andothuki, utywala neziyobisi zezona ziphume phambili njengezinegalelo kwiGBV kule ngxoxompikiswano.

“Amadoda okwenene anoxanduva lokukhuthaza kwanokukhulisa abantwana abangabafana babengumzekelo,” utshilo uMene.

USihlalo weSGB kwesi sikolo, uMam’ Mafitane uthe beyiSGB nabo baza kuyiqinisekisa imbeko ebantwaneni kwaye bethemba ukuba bafunde okuninzi bonke abafundi babo.

UBrigadier wesikhululo saseGcuwa, ubongoze abafundi ekubeni bathathe inxaxheba kwiinkqubo ezinje ngezi kuba injongo kukuxhobisa kwanokukhula kwabo kwezolawulo. Uthi injongo ikwakukulwa ulwaphulomthetho ngaphakathi kwabafundi ezikolweni.

UFebana ebekhuphisana nezikhululo ezingama36, ze waphumelela emele iAmathole District. Le ntwazana ikwafumene nembasa ngale mpumelelo yayo.