Igqala lomsasazi libuyele kunomathotholo!

Ibali elibuhlungu elingobomi bakhe lijika libe libali eliyimbali kuba umphulaphuli woMhlobo Wenene nabo babemthanda kwiCKI baza konwabela kwakhona elo lizwi limnandi nesakhono esiphucukileyo sokusasaza.

Itsho into! uThandi Ncanywa wakudala ewayilesini ubuyile. Ilizwi elintyiloza kamnandi kumaz’ omoya elikhunjulwa ngomdala nomncinci ngeminyaka yoo90 libuya emva kweminyaka engaphaya kwamashumi amabini lanyamalala.

UNcanywa, 55, ubizwe nguMhlobo Wenene FM ukuze azokwenza iinkqubo zabantwana.

Inkqubo yakhe yemizuzu elishumi elinesibini (12 min) ingecala emva kwentsimbi yesithoba ngentlazane, ngoLwesithathu ukuya ngoLwesihlanu.

Kwakungo2001 ngethuba uNcanywa, owayedume njengoT-Girl emoyeni ethabatha isigqibo sokufulathela iCKI FM, nesele yabayiTruFM kwezi ntsuku.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, eli gqala lomsasazi lithi kuninzi okwenzekileyo ebomini balo kususela mhla lazibeka phantsi iintambo kunomathotholo.

Ukuphuma engena ezibhedlele esenziwa uqhaqho amatyeli ngamatyeli, ukungakwazi kuhamba, ukuthetha, ukuphazamiseka ngokwasengqondweni nokubuncama ubomi besiqhelo, zezinye izinto uNcanywa ebejamelene nazo.

Uthi walahla eCKI FM emva kokungakwazi ukunyamezela impatho awayifumana ngaphakathi elo xesha.

“Oku kwandimosha, kwandenza ndingafuni kwanto enokwenza nento endiyithanda kakhulu, unomathotholo,” kubalisa uNcanywa.

Uthi ngexesha engekho kunomathotholo bengasafuni nokumamela, engabukeli nomabonakude.

“Bendingasafuni nokwaziwa ukuba ndinguThandi Ncanywa, kwabanye abantu bendizazisa njengoThandeka kuba ndibaleka imibuzo yokuba ndibuyela nini kunomathotholo.”

Nakubeni bekunjalo, kodwa le nzalelwane yaseNew Brighton, eGqeberha, ithi unomathotholo ebehleli emithanjeni yakhe kuba wamdalelwa.

UNcanywa wazibandakanya nezosasazo ngonyaka ka1996 ngethuba eqeshwa yiUbuntu Radio.

KwiUbuntu, uNcanywa uthi wabanethamsanqa lokufakwa phantsi kwephiko ligqala lomsasazi elidl’ umhlalaphantsi, uFikile Lubisi.

Ngo1997, emva konyaka nje, uNcanywa waye wafunwa yiCKI FM. Apho wafika wenza inkqubo ethi Community Affairs eyayisenziwa nguNtomboxolo Malusi, waze wenza nenkqubo yabantwana ngeempelaveki.

“Kwakunzima ukundifumanela eyona nkqubo endifaneleyo kuba ndandilunga kuzo zonke iinkqubo,” kuqhayisa uNcanywa ehleka.

Uthi ukubuyela kwakhe kwinkqubo yabantwana kungqina ukuba abantwana ‘ubadalelwe’.

“Ndiyabathanda, bayandithanda, ndiyabazi, kwaye kunjalonje ndibadalelwe,” utsho uNcanywa ethetha ngabantwana.

Uthi ufuna ukubangumsasazi wokuqala ukufumana imbasa ngokwenza iinkqubo zabantwana.

Akasasazi nje kuphela, kodwa lo makhwekhwetha womsasazi ukwanesiphiwo sokucula kwanokudlala kwimidlalo yeqonga phakathi kwezinye izinto.

Ngo1999, lo msasazi wafumana imbasa yeBest Insert kuSelimathunzi ngokwenza uMiss Gay Eastern Cape eQonce.

Nangona nje kwiminyaka yakhe yokunyamalala kwezolonwabo uNcanywa ebesebenza kwiinkampani ezohlukeneyo, kodwa impilo yakhe khange ibe sesimeni esihle.

“Besele ndifuna ukuncama kuba bekungekho nto ilungayo ngokwasempilweni, bendithi xa ndiphuma kule ndigule yile,” utsho.

UNcanywa ubuyile ngoku kunomathotholo, kwaye ufuna ukusebenzisa eli xesha akhumbuze umphulaphuli oko adume ngako.