Liza kubhubhela ejele ixhego eladlwengula umzukulwana!

Ixhego laseZwelitsha, uMzimkhulu Thompson Makroza (72), uza kuchitha ubomi bakhe ejele emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elithoba (9) kuphela.

UMakroza ugwetywe ubomi neminyaka elishumi ngaphezulu yiNkundla ePhakamileyo yaseBhisho emva kokuba evume phambi kwenkundla ukuba udlwengule.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uMakroza ebekhe wachitha iminyaka ejele kwangetyala lokudlwengula. Ebephume ngengqawule kunyaka ophelileyo.

Ingxelo ithi ixhego eli lingumakhelwane wexhoba, xhoba elo lihlala nomakhulu walo kwaDudu eZwelitsha. Eli xhego liqhelile ukutyelela kwikhaya lexhoba njengoko liye limana ukuncedisa kwizinto ezimoshakeleyo kolu sapho.

UTyali uthi umakhulu wexhoba wacela uMakroza ekubeni amlungiselele indawo yokoneka iimpahla phandle. UMakroza wafika ixhoba lisangqengqile, umakhulu walo esaphumile. Kulapho wabanethuba lokungena kwigumbi lexhoba, walikhulula ngenkani, ngethamsanqa umakhulu wexhoba wafika xa kanye ixhego lizithathela ngolunya emntwaneni.

Oku kwenzeka ngomhla wesibini kwinyanga kaNovemba ngo2021. UTyali uthi kwaye kwafumaniseka ukuba bekungekho kokuqala eli xhego lisenza eli nyala emntwaneni, ngenyanga kaAgasti 2021, wayezenzele babe bengekho abazali bexhoba ekhayeni.

UMakroza wagrogrisa ixhoba ngelithi ukuba lixelile uza kulibulala.

Iziphumo zokuba ixhoba akukokokuqala linukunezwa ngokwezesondo zangqinisiswa yiThuthuzela Care Centre ekwisibhedlele saseGrey eQonce.