UTinkler uliqhwabela iqela lakhe elibuyela kwiCAF Champions League

Umqeqeshi weCape Town City, uEric Tinkler, evuyisana nabadlali bakhe emva kokubetha iKaizer Chiefs. Umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Ulincimile watsho eliqhwabela izandla iqela lakhe uEric Tinkler emva kokuvala isizini endaweni entle. ICape Town City ifuneme indawo yesibini kwisizini yeDStv Premiership evalwe kutshanje. Ngokwenza njalo, iqela likaTinkler lifumene itikiti lokumela uMzantsi Afrika kwiCAF Champions League kunye neMamelodi Sundowns ethathe indebe yeDStv kwakhona. Ibuyela okwesibini iCape Town City kwiChampions League emva kokuyinceda kwisizini yayo yokuqala eminyakeni egqithileyo. Konke oku kwenzeke emva kokuba iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates zingakwazanga ukusebenzisa imidlalo yazo ebinokuzibuyisela kwiChampions League.

Ngaphandle kokuqhuba kakuhle kwiDStv, iCape Town City yabethwa emdlalweni wokugqibela weMTN8 ekuqaleni kwesizini ka-2021/22. Ezo zinto zimchulumancisile kakhulu uEric Tinkler obuyiswe ngabaphathi bakhe emva kokuhamba nzima kakhulu kweCity of Cape Town phantsi kukaJan Olde Riekerink waseDutch. “Bekukuhle ukubona wonke umntu esebenza ngokuzimisela. Senze imbali ngokuba liqela elingaphulukananga namdlalo kwelishumi elinesithathu. Eyona nto ebaluleke ngaphezulu kwezinto zonke kukuba sivale isizini sihleli kwindawo yesibini kwiDStv Premiership,” utshilo uTinkler emva kokusongwa kwesizini.

Kufuneka iqela likaJohn Comitis liqule liligangathe ngoba liza kuxakeka kakhulu kwisizini ezayo. “Umsebenzi wesizini elandelayo uqala kwangoku ngoba amaqela amaninzi aza kufuna ukubetha thina. Indlela esidlale ngayo kufuneka singene nayo kwisizini elandelayo. Izinto ziza kuthanda ukuba nzima ngoba kukho nendebe yehlabathi esekupheleni konyaka. Siza kudlala kwiCAF Champions League, kubalulekile ke kuthi ukuya kuyo sizilungiselele. Nangona kunjalo, kufuneka abadlali bethu baphumle ngokwaneleyo – kodwa ekupheleni kwenyanga yeSilimela kufuneka babuyele enkampini,” utshilo uTinkler. Iindaba ezimnandi unozinti wakhe, uHugo Marques, ufumene iwonga likanozinti oqaqambileyo kwisizini egqithileyo.