UManqoba Mngqithi udiza okwenza iqaqambe iMamelodi Sundowns

Abadlali beMamelodi Sundowns bebhiyoza emva kokuphumelela indebe yeNedbank ababetha kuyo iMarumo Gallants, eRoyal Bafokeng Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Owayecinga ukuba iMamelodi Sundowns iza kugqwidiza emva kokuhamba kukaPitso Mosimane wayephazama. Iqhubela phambili nomsebenzi eyayiwenza futhi inendawo ethe chatha ngoku phantsi kwamadoda amathathu: uManqoba Mngqithi, uRulani Mokwena noSteve Komphela. Enze into emangalisayo kwisizini ephelileyo ngokuthatha zonke iindebe ezikhoyo. Kwiveki egqithileyo, iSundowns ivale isizini ngeNedbank Cup eyizuze emva kokubetha iMarumo Gallants ngo’2-1 emdlalweni obushushu ngeyona ndlela eRoyal Bafokeng Stadium, eRustenburg. Amagowuli empumelelo aze nefolosi eyoyikwa eyingozi kakhulu, uPeter Shalulile noThapelo Morena. Indebe yesithathu ifike kukho eyeDStv Premiership neyeMTN8 efunyenwe yiSundowns ekuqaleni kwesizini ka-2021/22.

Impumelelo yeSundowns ayothusi ngoba inabaqeqeshi nabadlali abasemgangathweni ophezulu. Ephawula ngezona zinto ezinceda iDowns, uMngqithi oyintloko yabaqeqeshi, uthe ukungaphazanyiswa kwabo bengabaqeqeshi ngunozala wempumelelo efunyenwe liqela lakhe. Kwaye akakholelwa ukuba kukho umsantsa omkhulu phakathi kwamanye amaqela neSundowns. Yena uqhwabele abaphathi bakhe ngokungafaki iimpumlo zabo emsebenzini wabaqeqeshi. “Umahluko awumkhulwanga phakathi kweSundowns namanye amaqela. Iincukaca esizifumana emidlalweni ziyayingqina lo nto,” utshilo uMngqithi.

“Ndiyavuma ukuba akululanga ukukhuphisana neSundowns. Lo nto yenzeka ngenxa yomgangatho ophezulu yabaqeqeshi abayiqeqeshayo. Siphonononga yonke into phambi kokuya emdlalweni. Izimvo zabantu abohlukeneyo xa zidityanisiwe zizo ezenza kubekho iziphumo ezincomekayo. Ndiyamncoma ke usihlalo weDowns (uTlhopie Motsepe) owasinika igunya lokuthatha izigqibo ingabaqeqeshi,” utshilo uMngqithi emva kokuphumelela iNedbank Cup. Emva koko, iDowns izithaphulele kumawonga okuvala isizini ePSL. UShalulile ufumene iwonga lamagowuli nelomdlali ovotelwe ngabanye abadlali. Kanti uAndile Jali uzuze elomdlali wonyaka. UMngqithi noRulani bafumene iwonga lomqeqeshi oqaqambileyo.