ABafana Bafana bazityele itheko kumdlalo obuseFNB Stadium

Thulani Hlatshwayo of South Africa celebrates goal with teammates during the 2019 African Cup of Nations match between South Africa and Seychelles at the FNB Stadium, Johannesburg on 13 October 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UMzantsi Afrika
uvuthulule iSeychelles ngemvula yamagowuli amathandathu eqandeni (6-0) namhlanje kumdlalo
wokuzibekela indawo kwi-2019 African Cup of Nations ngale njikalanga eFNB
Stadium. ABafana Bafana bazityele itheko ngethuba bedlala neSeychelles emva
kokungakwazi ukubetha iLibya kumdlalo owashiya abantu abaninzi bephoxekile
eMoses Mabhida Stadium kwinyanga ephelileyo. Ukuphumelela kweqela likaStuart
Baxter kubuyisa ithemba kwiinzame zalo zokuzibekela indawo kwitumente yezwekazi
le-Afrika ekulindele isingathwe yiCameroon.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla uMzantsi Afrika unkqenkqeza phambili ngamagowuli amathathu
eqandeni. UPercy Tau uphantse wayonzakalisa iSeychelles kumzuzu weshumi
elinesibini kwisigaba sokuqala somdlalo – kodwa ibhola yakhe ibethe epalini.
Ufumene elinye uLebohang Mothiba elingasetyenziswanga kakuhle emva kwebhola
entle ebisuka kuSifiso Hlanti. Umdlali weSeychelles ugwaze umkhonto ekhaya
kwaba kanti kukunakala kwezinto. Amagowuli amabini weBafana Bafana afakwe
nguThulani Hlatshwayo noMothiba.

Kwisigama sesibini
iBafana Bafana ifake uxinizelelo kwisigaba sesibini, ingakumbi uTau noMothiba.
Emva kokuphosa amathuba abemahle, uPercy Tau ungcangcazelise umnatha ngomzuzu
wamashumi asixhenkxe anesine kwisigaba sesibini somdlalo. Umdlalo ubulawulwa nguMzantsi
Afrika. Into ebisenziwa yiSeychelles ibikukuzama ukuthintela ukungena kwamanye
amagowuli nangoba ingakwazanga. UDino Ndlovu ubeke emnatheni igowuli lesihlanu –
elibeke uMzantsi Afrika kumagowuli amahlanu onke. Elokugqibela lifakwe nguMokoena weSuperSport United ngomzuzu wokugqibela emdlalweni.

Bafana Bafana: Itumeleng Khune, Ramahlwe Mphahlele, Sifiso Hlanti,
Buhle Mkhwanazi, Thulani Hlatshwayo, Aubrey Modiba, Dean Furman, Lebohang
Maboe, Kamohelo Mokotjo, Percy Tau, Lebo Mothiba.

Amalalela: Williams, Phiri, Ndlovu, Kekana, Mokoena,Maela,
Xulu.

Seychelles: Seychelles:
Dingwall, Trevor, Marie, Joubert, Hoareau, Esther, Bibi, Hopprich, Monnai,
Damoo.

Amalalela: Lesperance, Waye-Hive, Laurence, Sinon, Lawrence.