Amaqela aseMpuma Koloni ayiqale kakuhle imidlalo yeTelkom Netball League

Emva kokuvalwa kwemidlalo entlobontlobo ngenxa yeKhorona edlakaze izizwe zehlabathi, ngoku imidlalo yomnyazi ibuyile kwakhona. Imidlalo yeTelkom Netball League yamaqela aphuma kumaphondo ohlukeneyo eMzantsi Afrika iqhubela phambili ePitoli kwiphondo laseGauteng. Amaqela ohlulwe azizintlu ezimbini kwaye amele iphondo leMpuma Koloni aquka iEastern Cape Aloes kunye ne-Eastern Cape Comets. Omabini amaqela ayivule kakuhle isizini ngokuphumelela imidlalo yawo. Emdlalweni wokuqala, iEastern Cape Aloes ibethe iSunbirds ngo’40-34, kolandelayo iphumelele ngo’56-47 ibetha iDiamonds. Komnye iAloes ibethe iWestern Cape Tornados ngo’42-36 emdlalweni obunzima kakhulu ngoLwesibini.

Ibikokokuqala iTornados iphulukana nomdlalo kwaye umqeqeshi wayo uvumile ukuba iqela lakhe alidlalanga kakuhle. “Asidlalanga kakuhle. Mhlawumbi abadlali baphazanyiswe yimizimba emikhulu yabadlali be-Aloes. Sinabadlali abatsha abangekaqheli ncam ukudlala kulo mgangatho,” utshilo uDanlee Matthews weTornados emva komdlalo. Yena umqeqeshi we-Aloes, uSameshia Esau, uthe abadlali bakhe mabahlale bezibeke emdlalweni ngamnye iingqondo zabo. Kanti yona iEastern Cape Comets ikhe phantsi isitya sigcwele ngethuba ibethwa yiMpumalanga Sunbirds ngo’42-37 emdlalweni obungoLwesibini. Ibikokokuqala iComets ibethwa emdlalweni weTelkom Netball League. Umqeqeshi weSunbirds uyamkele ngovuyo impumelelo yeqela lakhe.

“Nditsho ndakhululeka futhi ndonwabile ngoba abadlali bethu badlale kanye ngendlela ebesicwangcise ngayo. Siye emdlalweni sizixelele ukuba kufuneka sinciphise kakhulu iimpazamo ebaleni,” utshilo uThembisile Ngwenya weSunbirds. Umdlalo oza kujongwa ngamehlo abomvu namhlanje (ngoLwesine) ngulowo uphakathi kwamaqela aseMpuma Koloni, iAloes neComets ngentsimbi yethoba kusasa. Yona iQueens idibana neBaobabs; iStars yamkela iCrinums; iDiamonds iza kugagana neSunbirds ize yona iFlames idibane neFireballs. Imidlalo yeTelkom League kulindeleke ukuba isongwe ekuthambekeni kwenyanga ezayo eRustenburg.