Batsala nzima abemidyarho yamahashe ezilalini!

UMazinywenkazana exhagwe ziidyokhi zamahashe wakhe eLuthuthu, eMthatha. umfanekiso: Pedro Mapelo

Ukuba abantu bacinga amahashe emidyarho atya imali ngala bawabona kumabonakude kuphela, benza impazamo ngoba eneneni nala asezilalini aziindleko.

Kule mihla imidyarho yamahashe asiyonto nje yokuzonwabisa kuphela; yindlela yokuphuhlisa izakhono zeedyokhi nokuziphilisa kwabaninzi.

UMzwandile Mnyungule waseCentule, eMthatha, uyijikeleza yonke iMpuma Koloni namahashe wakhe ngenxa yothando lwamahashe analo.

Le yinto ayiphila ngaphakathi kuye kwaye uyaziwa kuzo zonke iindawo ahamba kuzo.

Kudala beyizama le nto – kodwa izinto zabo azivezwa kakuhle ngamajelo eendaba. Lo nto ayithethi kuthi iimbulaleko zabo azaziwa ngurhulumente ongekahlangabezani kuba abantu bawo bengakahlangani ngokupheleleyo njengasebholeni.

“Lo nyaka ubumhle kakhulu. Silityhutyhe lonke eli phondo, sihamba nala mahashe wethu,” utshilo uMnyungule, odume ngegama likaMazinyw’enkazana.

Abantu bale midlalo yamahashe kuyanyanzeleka bangene nzulu ezipokothweni zabo xa besiya kwiindawo ezinemidlalo. Kuzindleko ukuqasha iimoto ezithatha amahashe xa ziwasa kwezi ndawo zemidyarho. Lo nto inzima kumntu ongenayo ingeniso. Izinto abazidingayo kula mahashe ziliqela.

“Kulo nyaka siye kwiindawo ezifana neNgcobo, Cofimvaba, Libode, Tsolo, MaClear, Mqanduli nezinye. Kunzima ukuhamba namahashe ngoba kutya imali. Kufuneka athengelwe ukutya namayeza okuwakhusela kwizifo. Kunzima ngaphandle kwenkxaso. Ingase urhulumente asincedise ngeendawo zokuphalisela amahashe wethu. Siyafuna ukubona iidyokhi zethu zikhula nazo,” utshilo uMazinyw’enkazana.

NgoMgqibelo weveki ephelileyo, amahashe aphuma kwindawo ngeendawo ebekhuphisana eLuthuthu; amahashe amabini uMpundulu kaMnyungule noNyangi kaMbuyekezo Simanga – ngawo agqugqisileyo kumsitho wokuvala unyaka.

Sibuze isebe leZemidlalo noLonwabo eMpuma Koloni isicwangciso abanaso ngokungceda abasemahasheni – kodwa side sashicilela kungekho mpendulo.