Ikhulule isithathu sonke sabadlali iBlack Leopards ejongene nezembe

Mogakolodi Ngele of Black Leopards celebrates goal with teammates during the Absa Premiership 2019/20 match between Polokwane City and Black Leopards at Old Peter Mokaba Stadium, Polokwane on 30 February 2020 Samuel Shivambu/BackpagePix

Nangona
iBlack Leopards isenomsebenzi onzima wokuqinisekisa indawo yayo kwiPSL xa
idlala umdlalo wokugqibela ngomso – kodwa ichithe abadlali abathathu bonke. Eli
qela laseLimpopo, AmaZulu, iChippa United, iBaroka nePolokwane City
ngamanye wamaqela aza kulwela ukuzophula ngomso ukuze afumane amanqaku
amathathu anokuwahlangula ephephe ukuthotyiselwa kwiGladAfrica Championship.
Abaphathi beLeopards bagqibe kwelokuba bangazihlaziyi izivumelwano zengqesho
zikaMogakolodi Ngele, uTshwarelo Bereng noThobani Mncwango eziye zaphelelwa
ekuqaleni kwale veki kwaye sele bemkile enkampini ngokutsho kwiFARPost.

UNgele
ngomye wabadlali abanesiphiwo sokudlal ibhola – kodwa ngelishwa, udlale imidlalo
elishumi elinambini qha kule sizini. Iza kuba lusuku olunzima kakhulu
kwiLeopards olu lwangomso ngoba idibana neMamelodi Sundowns elwela ukukhusela
indebe yeyo – kanti yona ifuna ukusinda ezembeni. Lisekhona ithuba
lokuzihlangula ukuba iLeopards iyaphumelela ngomso – kodwa iza kuba horho
iSundowns ngomso ngoba nayo ifuna into enye ngomso. Iindaba ezimbi kubalandeli
bebhola eLimpopo kukuba bangaphulukana namaqela amabini ngomso adlala kwiPSL.
Ambalwa amathuba wePolokwane esekugqibeleni – kodwa isenethemba lokuzilwela.