Ingaba iPirates ingakwazi ukuyikhusela indebe yeNedbank kule sizini?

Asibhozo amaqela ashiyekileyo kulo mjikelo kwaye iintshatsheli zeNedbank Cup iOrlando Pirates izakuqubisana naMaZulu kulo mjikelo wolukhuphiswano.

Oku kube sisiphumo sokuthelekiswa kwamaqela okwenzeke ngorhatya lwangoMvulo emva komjikelo omhle wemidlalo kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo.

Abafana bakaJose Riveiro badlulele kumjieko olandelayo kwaye baba yinxalenye yamaqela asibhozo okugqibela kolu khuphiswano emva kokuphumelela ngokugqibeleleyo bedlala neqela elisuka kwinqanaba lesibini lebhola ekhatywayo iHungry Lions ngoMgqibelo, ngelixa AmaZulu ebethe iSekhukhune United ngoLwesine.

Emva kokubetha iMoroka Swallows ngoLwesithathu odlulileyo, AmaTuks afumene umdlalo onzima xa ezoqubisana neMamelodi Sundowns.

ISundowns ayikhange ibile njengoko iphumelele ngo’2-0 kumijikelo wamaqela alishumi elinesithandathu ngethuba idibana neMaritzburg United ngeCawe kumdlalo ophantse wamiswa ngenxa yemozulu embi.

IChippa United, ekuphela kweqela elizinze eMpuma Koloni, ithelekiswe neTS Galaxy. Olu khuphiswano lube sisiphazamiso esamkelekileyo kwiChippa, ekwidabi namaqela amane elwela ukungafumani izembe kule sizini.

Bazakuqubisana neqela leTS Galaxy elilwe ngokuzimisela libetha iD’General ngo’3-0 ngeCawe.

IStellenbosch FC kunye neSuperSport United ziza kulwela indawo kwimidlalo yandulela amagqibela kankqoyi kumdlalo oqinisekileyo ukuba ngumdlalo abantu abawujonge ngamehlo abomvu kulo mjikelo.

Emva kothelekiswa kwamaqela ngoMvulo, iPSL ithe imihla neendawo ekuza kudlalwa kuzo le midlalo yeNedbank Cup izakuqinisekiswa kamva.

Iqela laseSoweto, iOrlando Pirates liphumelele le ndebe kunyaka ophelileyo. Umbuzo ngulo, ngaba baya kukwazi ukuyikhusela?