Ingaba uKhoza uza kurhoxa njengosihlalo wePSL?

Usihlalo wePSL uIrvin Khoza. UMFANEKISO: Sydney Seshibedi/Gallo Images

Kukho iingxelo zokuba iminyaka engamashumi amabini ananye (21) kaIrvin Khoza engusihlalo wePremier Soccer League (PSL) ingafikelela esiphelweni kungekudala.

Le ndedeba, 76, nokwangusihlalo weOrlando Pirates, ubambe esi sikhundla ukusukela ngo2003.

Kuthiwa abantwana bakaKhoza bafuna ehle esikhundleni.

“Abantwana bakhe ngoku bafuna ukuba athathe isihlalo esingasemva kuba uyenzile into ebekufuneka ayenze, wazihlaziya zonke izivumelwano,” umthombo uxelele iSunday World.

Ngokutsho komthombo, okwenzekayo mva nje malunga noKhoza kuzise ukungaqiniseki kubatyali-zimali bePSL.

“Abatyali-mali abathandi ukungaqiniseki. Ke, ukuba ubunokubuza abaxhasi, bangatsho ukuba bakhetha ukuba ajongane nomntu owaziwayo.

“Ungumntu olandela imigaqo xa kuziwa ekuboneleleni nasekuxabiseni abaxhasi. Akazange abe ngumntu ozibiza ngokuba lixhego, kodwa kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo, uye waqala ukuzibiza ixhego. Akakhe abhekisele kwiminyaka yakhe, uthetha ngayo mva nje,” uqhube watsho umthombo.

“Akukho qela elakhe laziva liphathwe kakubi nguye ngexesha engusihlalo. Ukuba ngusihlalo kufana nokukhusela umntwana wakhe, yinto awayakhayo.”

Lo mthombo wongezelele ngelithi, isigqeba sePSL sifuna uKhoza ahlale njengosihlalo wePSL.

UKhoza, nosele ekhokele lo mbutho ixesha elide, mhlawumbi angagxila kwiqela lakhe, iOrlando Pirates ukab uthathe isigqibo sokurhoxa njengosihlalo wePSL.