UMalema uthi uzakuyincothula neengcambu indlala nentswela-ngqesho eMpuma Koloni!

Inkokheli ye-EFF uJulius Malema eBuffalo City Stadium eMonti ngoLwesine kusuku lwamalungelo oluntu. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Inkokeli ye-EFF uJulius Malema uthi liphelile ixesha lendlala, elentswela ngqesho, elobuqhophololo, urhwaphilizo nelikacimicimi wombane eMpuna Koloni kuba bazakungena beyiEFF bakhokele eli phondo. Uthi wonke ubani kufuneka esebenzile, abantwana befundile kwaye imfundo ibemahala kuxhamle umntwana.

Ezi zezinye zezithembiso kwintetho yakhe uMalema eBuffalo City Stadium eMonti ngoLwesine, apho lo mbutho ububhiyozela usukulu lwamalungelo oluntu iHuman Rights Day.

UMalema uqhube wathi abazukubuyisela umhlaba nje eluntwini bazakubanika nezakhono zokuwusebenzisa umhlaba kwaye bakhuphe nemali yezixhobo zokusebenzisa umhlaba. Uthi iEFF izokuba sisisombululo eMpuma Kolomi nanjengoko eli phondo loyele emngxunyeni onzulu.

Kwizithembiso zabo uqhube wathi bangayiphindaphinda inkamnkam yabadala, eyabantwana neyabakhubazekileyo esithi ngaphezulu abakhubazekileyo bafumane izindlu.

Enye yezinto ayichaphazeleyo uMalema ngaphandle kokugxeka iANC, uthe akukho namnye umntwana okanye umfundi ozakuyeka isikolo phakathi kuba egxothiwe, kuzakulingwanwa kwaye kuzakufunda wonke umntu ibeyinto eyifashoni imfundo.

USihlalo we-EFF eMpuma Koloni uZilindile Vena, uthi ‘lidlakaziwe eli phondo ngamasela eANC’. “Siliphondo elitshatshele phambili kwintswela ngqesho kwanendlala de yenze umzali abulale abantwana bakhe ngenxa yendlala. Le nginginya ilapha yabalandeli be-EFF ibonakalisa ukuba badiniwe abantu kwaye belapha nje abazelanga ihala bazele utshintsho. Sisemva sileliphondo, sikhokele Malema,” utshilo uVena esamkela uMalema eqongeni.

IKumkani yabaThembu, uKumkani Buyelekhaya Dalindyebo, uthi mawemke amasela lixesha labo lokuba asuke esihlalweni. Watsho ekhuthaza abalandeli ekubeni bayokuvota nge29 kaMeyi.

“Ukuba nifuna utshintsho hambani niyokuvotela iEFF nge29 kaMeyi nisuse la masela asoloko ephumelela ngobuqhophololo,” itshilo iKumkani yabaThembu.

Ebiphambili emilonyeni yoluntu kulo msitho ibeyindlala kwakunye nentswela ngqesho. UMalema uthi bazakuwabhiyozela njani abantu amalungelo abo bengenazindlu zangasese neendlela ezilalini.

Umlandeli we-EFF nogama lakhe linguMlandeli Vezi waseMdantsane ethetha neli phephandaba, uthe bazele utshintsho badiniwe kukuxokiswa kwanokuthenjiswa ngezithembiso ezingafezekiswayo ngumbutho olawulayo.

UPhathiswa Ngobe nongumlandeli naye uthi uhlala nabantwana bakhe endlini abapasa uGrade12 bobathathu, akukho namnye osebenzayo ngenxa yokunqaba kwamathuba koko anikwa abaziwayo.

Uthi wayenethemba evuya xa babelandelelana abantwana bakhe bepasa uGrade12, nathi wabafundisa nzima enethemba lokuba bazakusebenza bamkhuphe endlaleni kodwa basasokola nalo Grade 12.

Ongafunanga kuchazwa nongumlandeli wombutho olawulayo iANC, uthe uzomamela kuba ebona ngathi uyathembisa uMalema.

UMfundisi ebevula ngomthandazo kulo msitho ethandazela eliqela, uthe eli phondo lijongene noGoliyathi wendlala, wentswela ngqesho kwakunye nocimicimi wombane, kwaye uMalema ulapha uzohlangula eli phondo kulo Goliyathi.